
Ngu Everson Luhanga
Iyakhula inkxalabo njengoko isebe lezempilo liqinisekise umntu wesithandathu ukufunyaniswa enesifo sotyatyazo eRhawutini.
Kwimbalelwano ekhutshwe ngoLwesine, isebe lezempilo lithe “Eli lityikitye omnye umntu ofunyaniswe ukuba wosuleleke sisifo sotyatyazo, kwaye oku kulibeka kwisithandathu inani Labantu abosulelekileyo.”
Isithethi sesebe lezempilo uMotalatale Modiba uthe umguli lo ngowasetyhini oneminyaka elishumi elinethoba, ohlala kwindawo yamatyotyombe Emandleni eBinoni, Ekurhuleni eRhawutini.
“Lo mguli ufunyaniswe liqumrhu elijongene nokuqhambuka kwa sisifo iOutbreak Response Team ngethuba kusenziwa inkqubo yokuthungatha abantu ebebedibene nomguli ofunyaniswe enesisifo, nalapho kufikelelwe kubantu abaliwaka nekhulu elinamashumi amathandathu.
“Ube ngomnye wabantu ababini ababonakalise iimpawu zesifo sotyatyazo, kwaye bathunyelwa esibhedlele ukuba bayohlolwa. Uhlolo lwakhe lubuye lubonakalisa ukuba unesisifo. Uye wanikwa mamachiza kwaye uchacha kuhle,” utshilo.
UModiba uthe amagosa azakuqinisa ukuthungatha abantu abanokuchaphazeleka, kwaye kuzakunikezelwa ngezifundo zezempilo kwimimandla echaphazelekayo.
“Nangona kungekho sidingo sonxunguphalo kuluntu jikelele, isebe lixhalabile ngamanani onyukayo yabantu abosulelwe sesisifo, kwaye libongoza bonke abantu abaziva benempawu zesifo sotyatyazo, nokuba bebetyelele kweli okanye kumazwe angaphandle, okanye khange baye ndawo, bandwendwele iziko lempilo elikufutshane. Isifo sotyatyazo siyanyangeka kwaye siyathinteleka,” utshilo.
Isebe lezempilo liseza kufumanisa umthombo wesifo sotyatyazo ongowalapha ekuhlaleni kweli, kodwa abantu bayakhunjuzwa ukuba bahlambe izandla, badlalele kude nokulungisa ukutya ngamanzi angacocekanga okanye basele amanzi angacocwanga asuka emilanjeni nasemadamini.
Ebutsheni benyanga yoMdumba, kwaxelwa abantu ababini abafunyaniswa nesifo sotyatyazo eDiepsloot. Ngamanina omzi omnye awayetyelele eMalawi abuyela eJohannesburg behamba ngabhasi, kwaye bafunyaniswa benempawu ezaqinisekiswa ukuba zezesifo sityatyazo.
Umphathiswa wesebe lezempilo kuzwelonke uGqr Joe Phaahla ubhengeze umntu omnye osweleke ngenxa yesifo esayanyaniswa nesifo sotyatyazo kwilizwe loMzantsi Afrika ngoLwesine, ngelixa inani Labantu abosulelekileyo lime kwisihlanu.
Ngokwengxelo yesebe lezempilo kwiphondo laseRhawutini, lithungathe abantu abalishumi elinesibini ebebenxulumene nomfi, kwaye ababini kubo bathunyelwe kwisobhdlele iTambo Memorial Hospital.
Imvelaphi yomfanekiso: @CliffShiko