Indoda esele iphuma eziseleni imemelela ukuxhotyiswa kwamadoda angenawo ootata

Ngu Anita Dangazele

ULuvuyo Ngxiki wafunda ngeyona ndlela inzima ukuba, xawuphuma endleni uzaku bhatala. Ngethuba esafunda kwizikolo zamabanga aphakamileyo, waqalisa wazibandakanya nabahlobo abangalunganganga, kancinci kancinci waphela esiba yinxalenye yamaqela oonqevu. 

Umama wakhe ongathathi ntweni, wamthumela kwisikolo sokubhoda kuba wayengena ndlela yimbi. Okubi nje, kukuba elocebo zange lisebenze. Emva kokuba ephumile esikolweni, wabali lungu elivuthayo loonqevu. Oku kwamfaka ngaphakathi eziseleni wahlala iminyaka emine yonke. 

Njengoko eyindoda eneminyaka engamashumi amane anesibini, esele ivela ejele uxelele iPalamente yamadoda yommandla waseNelson Mandela Bay ephehlelelwe ngoLwesine ukuba, ugqibe kwelokuba atshintshe ubomi bakhe emva kokukhululwa eziseleni. Kungoku nje uxhonkxa amadoda asakhulayo angenabo ootata afana naye, akhulele elokishini kwaye asemngciphekweni wokungena kumgibe wolwaphulo mthetho. 

“Badinga bantu abazakubonela kubo abangotata kwaye abacinga ngendlela eyakhayo ukuze bafunde kubo,” utshilo uNgxiki. Ukhuthaze amadoda abezimase lepelamente ukuba abe yilomizekelo, bancede ukusindisa ulutsha kwindlela ezingalunganga, ezifana nendlela eyathathwa nguye. 

IPalamente yamadoda yaseNelson Mandela Bay yamiliselwa ngenjongo yokudibanisa amadoda phantsi kophahla olunye, ukuze axoxe ngeendlela zokwakha intlalo engcono. 

Ilizwe loMzantsi Afrika lihamba phambili ngokuba namatyala olwaphulo mthetho oluhambisana nobundlobongela kwihlabathi liphela. Uninzi lwezizenzo ziquka ukubulala, ukudlwengula nokubetha ngenjongo yokonzakalisa, ngamatyala enziwa ngamadoda kubantu basetyhini nabantwana. 

Lepalamente ibone kufanelekile ukuba imilisele ikomiti apho amadoda azokwazi ukuthetha ewodwa. 

Lomsitho wokuvula ubusingethwe lisebe lezabahlali kumasipala iNelson Mandela Bay. Intloko yezopolitiko, uceba Rano Kayser uthe leofisi yonwabile ukusingatha amadoda asuka kwindawo ezohlukeneyo ngokwentlalo nangokwe nkolo. 

“Namhlanje sidibene singamadoda ukuthetha-thethana sisodwa ngendlela esinokuzisebenzisa ukwenza amadoda aseNelson mandela Bay aqoqeke ngcono, kwaye amanyane ukoyisa isihluku sokuxhatshazwa okusekelelwe kwisini nokubulawa kwamanina,” utshilo uKayser. 

Lomsitho ubuzinyaswe ngamadoda asuka kumacandelo ohlukeneyo, kuquka isebe lezempilo kunye nesebe lophuhliso loluntu. Esisisgqeba sonyulwe saquka amadoda asuka kwumaqumrhu abucala angafuniyo ukubukela, amanye amadoda esonakalisa ekuhlaleni. 

UMbulelo Xinana oligosa elijongene nezonxibelelwano kwipalamente yamadoda yeNMB uthe, njengamadoda siyincam yazozonke iziganeko zokuxhatshazwa okusekelwe kwisini, kwaye oku kuphembelele ukumiliselwa kweliqumrhu. 

Umasipala wesithili iNMBM uzipophelele ukuwenza ngcono ukunciphisa izenzo zeGBV nokubulawa kwamanina ngokusabalalisa ulwazi kuzozonke iindawo zasekuhlaleni eNelson Mandela Bay. 

Unfanekiso ongasentla: IPalamente yamadoda yaseNelson Mandela Bay  

Imvelaphi yomfanekiso: NguAnita Dangazele