Igqala lomyili weFashoni libesenzisa ukuthunga ukulwisana nokuxhatshazwa okuselelelwe kwisini

Ngu Khaya Ndaba

Uyili wefashoni odumileyo uSonwabile Ndamase uqubisana nokuxhatshazwa okusekelelwe kwisini, ngokufundisa ukuthunga amanina asemngciphekweni. 

Eligqala lefashoni lineminyaka engamashumi amathandathu anesibini, laziwa ngokuthunga iihempe ezafumana indumasi zikatata uNelson Mandela, lifuna ukudlulisa ulwazi lalo kwisizukulwana esilandelayo sabayili befashoni. 

Isikolo sakhe esiqinisekiswe yiSouth African Fashion Designers Association, sinceda abantu abasebatsha kwelicandelo, abanolwazi kodwa bengenazo iziqinisekiso zokuyila ifashoni ukuba baphucule izakhono zabo. Siphinda sibancede ngokubakhangelela amathuba okufumana inkxaso mali ukuze bakwazi ukuqhuba amashishini asemgangathweni kwicandelo lefashoni.    

UNdamase intshisakalo yokuqubisana neGBV wayifumana ngethuba echitha ixesha lakhe eMelika, apho wafunda khona inkolelo yokuba “makachithe imali yakhe yerhafu kwindawo akhulelekuyo”.

Oku kwafumana intsingiselo kuye, kuba uyabazi ubunzima obabujamelene nabazali bakhe ukuze babeke ukutya etafileni. 

Ukuba yinzalelwano yenye yelali ezikufuphi naseMonti kwiphondo leMpuma Koloni, wabona ukuba kwakunzima njani kubo ukuphila. 

Yilonto uNdamase eziva enyanzelekile ukuba anikezele ngolwazi analo, kwaye axhase abo baludinga nangakumbi. 

  • “Ngaphambi kokugqwesa Ikwentsholongwane iCovid-19, ndakrweca isebe lophuhliso loluntu kunye nenkampani yakwa Edcon ukuba zindithengele oomatshini bokuthunga, ukuze ndikwazi ukubanikezela kumanina asemngciphelweni, kunye nabo bangenasakhono ukuze babenento abayenzayo,” utshilo. 

“Ndiqubisana nemeko [yeGVB] ngokusebenzisa omatshini bokuthunga njengesixhobo sokuvelisa amathuba nezakhono kubantu abangamaxhoba okuxhatshazwa.”

USiphesihle Mazule ngomye wabantu abayinxalenye yezizifundo ziqhuba zonke iintsuku zeveki, unyaka wonke. 

“UNdamase ligqala. [Ukufunda] kuye ukuba zenziwanjani iilokhe ligugu,” litshilo elonina lineminyaka engamshumi amane, lixelale iqonga lendaba iScrolla.Africa. 

“Into emnandi kukuba safumana izatifuikethi emva kokugqibe ezizifundo, ukuze sizisebenzise ukufumana imisebenzi.”

Isikolo sika Ndamase sixhaswa liqumrgu iFibre Processing and Manufacturing Seta, isebe lophuhliso loluntu kunye neServices Seta.  

Umfanekiso ongasentla: USonwabile Ndamase etsitsha abafundi bakhe 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe