Amarasta afake isikhalazo sempatho gadalala ngabakwantsasana

Ngu Tladi Moloi

Abahlali abakholelwa kwinkolo yamaRasta bagaleleke kwinkundla kamantyi iPhuthaditjhaba apho bafike bahlala phantsi batshaya ngaphambi komnyango walenkundla ngoLwesithathu. 

La marasta asuka kwindawo yaseThabana-tsoana eQwaqwa kwiphondo laseFree State, ahlala kwindawo abayibiza “iJerusalem”, akhethe ukulinda umfundisi ngeculo ngethuba betshaya ngaphambi kwenkundla logama besalinde ukunikezela ngoxwebhu lwezikhalazo.  

Bebebonakalisa ukukhathazeka ngenxa yempatho mbi abatyhola ukuba abayifumana kumalungu enkonzo yesipolisa kweli, kunye namalungu omkhosi wokhuselo weli, ababaphatha ngendlela engohlukanga kobophuli mthetho, ngokokutsho kwabo.  

UNtsebeng Kotelo uthe bazokunikezela ngoxwebhu lwezikhalazo benyanzelisa ukufumana inkululeko. 

“Asikhululekanga, kuba obafowethu bayaleqwa, babanjwe ngamapolisa namajoni. Siziva njengabemi bangaphandle kwilizwe lethu,” utshilo. 

“Abayeni bethu bayabanjwa ngenxa yelicuba. Siyasokola ngabantwana ngelixa amadoda eseziseleni.”

Uthe bekufanele bayavunyelwa ukuba balime icuba labathwa, njengaye wonke umntu otyala imifuno kunye nemithi eyadini yakhe. 

“Inyaniso emsulwa yeyokuba asikwazi kuphila ngaphandle kwecuba labathwa, njengoko ukuyisebenzisa kulisiko,” utshilo. 

UThapelo Mofokeng uthe umngcelele wabo uphenjelelwe yimpatho gadalala abayifumanayo emapoliseni, nto leyo bayibone isenzeka komnye wabo. 

“Abakwantsasana abawulandeli umthetho othi wonke ubani unelungelo lokulandela inkolo yakhe, inkcubeko, ilungelo lokuzikhethela, kunye nelungelo ngokwendlela ocinga ngayo nobona ngayo izinto,” utshilo. 

“Bafika bagqogqe imizi yethu ngaphandle kwesigunyaziso, kwaye xa befumana umlinganiselo othile wecuba labathwa, basivalela eziseleni.” 

Umanejala wenkundla yasePhuthaditjhaba uLefa Sempe, ulufumene oluxwebhu wathembisa ukuba uzakuludlulisela kumtshutshisi omkhulu. Wongeze ngelithi, inkundla izakuphendula kwababahlali kwintsuku zomsebenzi ezisixhenxe, ngoku ngqamene nesicelo sabo. 

Umfanekiso ongasentla: Igquba lamaRasta, litshaya icuba labathwa ngaphandle kwenkundla.

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe