
Ngu Anita Dangazele
Ukubhubha kwabantu ababini emva kokubanjwa ziintambo zombane oxhonywe ngokungekho mthethweni kunyanzelise uMasipala waseNelson Mandela Bay ukuba athathe iintshukumo zokuhlinzeka ngombane iindawo zamatyotyombe eGqeberha.
Emva kokusweleka kwabantu abohlukeneyo ngenxa yokuxhonywa kombane ngendlela ezingafanelekanga, abahlali bendawo yamatyotyombe iKhayelitsha eMotherwell eGqeberha bade bafumana ukunikezelwa kombane ngoLwesithathu.
Ngabantu abafikelele kumakhulu amabini aneshumi elinesine bendawo yamatyotyombe iKhayelitsha abaxhamle kwisigaba sokuqala senkqubo yofakelo lombane yomasipala ombaxa iNelson mandela Bay (NMB).
Ukanti ngabantu ababini abaphulukene nemiphefumlo yabo, ngenxa yokubanjwa ngumbane owawuxhonywe ngendlela engafanelekanga kulonyaka uphelileyo kulommandla.
Intloko yecandelo lezamandla nombane kwumasipala iNMB uLance Grootboom uthe, esona sizathu sibangela ukuba bafakele umbane ematyotyombeni kukuzama ukunciphisa inani labantu abasweleka ngenxa yokuxhonywa kombane ngokungafanelekanga.
“Sizifundile iingxelo zabantu abasweleke okanye abalimale ngenxa yokuxhunywa kombane ngokungafanelekanga. Ngenyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo kwakukhona umzali owasweleka ngenxa yezintambo zibangela umngcipheko,” utshilo.
Ngethuba kuqhuba imibhoyozo yokufumana umbane , uGrootboom umncomile uceba walommandla uThanduxolo Doda ngokulwela abahlali balengingqi kwiintlanganiso zebhunga ezamela ukuba bangahlali ebumnyameni.
“Malunga nemizi engamakhulu amathandathu ekusalindeleke ukuba ifakelwe umbane, kwaye sicinga ukuba leprojekthi izakugqitywa ngaphambi kokuba uphele lonyaka mali ngenyanga yeKhala,” utshilo uceba uDoda.
Omnye wabahlali u Nandipha Ndlela oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe uthe akasakwazi nokulinda, kuba ebesoloko enexhala ngokhuseleko lwabantwana bakhe abane.
“Siyavuya kuba ukuxhonywa kombane ngokungekho mthethweni kuyaphela, kuba silahlekelwe ngumntwana kunye nowasetyhini ngenxa yezintambo. Abanye abantu bafumene ukonzakala nangona bengazange basweleke, ngako ke sonwabile,” utshilo lomama ungaphangeliyo.
UNdlela oxhomekeke kuphela kwimali yesibonelelo sabantwana bakhe uthe, ngoku uzakuphuma ekubhataleni intlawulo yeR150 ukuze afumane umbane oxhunywe ngokungafanelekanga, ubeka impilo zabo esichengeni.
Umfanekiso ongasentla: Umhlali waseKhayelitsha esusa iintambo zombane ezixhonywe ngokungekho mthethweni, ngaphambi kokufakelwa kombane ekukudala bekulindile.
Imvelaphi yomfanekiso: NguAnita Dangazele