UMabuza uqinisekisile ngokushiya ePalamente

Ngokuhlwa kwangoLwesibini usekela mongameli uDavid Mabuza ushiyile kwesikhundla sakhe njenge lungu lendlu yowiso mthetho yeli. 

Ukushiya kukaMabuza kuxela ukuba uzakushiya kwakhe okulindelekileyo kwisigqeba sika mongameli welizwe loMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa, itshilo ingxelo yeqonga lendaba iDaily Maverick. 

UMabuza wabhengeza ebutsheni benyanga yoMdumba, ngethuba wayethetha kwinkonzo yomngcwabo yomfowabo eMpumalanga, esitsho ukuba uzakushiya kwesisikhundla.  

Emva kwexesha, sithethi sikamongameli uVincent Magwenya wathoba izibilini ngelithi uMabuza uzakushiya kwisikhundla sakhe kwakufumaneka umntu ozakungena esikhundleni sakhe. 

UMabuza uchazile kwincwadi yakhe yokushiya kwesisikhundla ukuba uvulela indawo uPaul Mashatile. 

Noxakunjalo, uhlengahlengiso lwesigqeba sika Mongameli lulibazisekile, nalapho iingxelo zisibonisa ukuba abo basondeleleneyo noRamaphosa abafuni kubekwe uMashatile kwesisikhundla. Noxakunjalo, unobhala jikelele wombutho weANC uFikile Mbalula uzikhabile ezingxelo, watsho esithi akukhonto banokuyibalula ngokuba imise oluhlengahlengiso.

Ngolwesibini, umphathiswa wesebe lezimali uEnoch Godongwama, wafungiswa njengelungu lePalamente ngaphandle kwamagingxingxi. 

Elinyathelo lizakubangela intshukuno ezini zokubekwa kwabantu kwizikhundla ezintsha, njengoko uRamaphosa elindeleke ukuba abeke uKgosientsho Ramokgopa oyintloko yecandelo leziseko kwi-ofisi kamongameli, ukuba abengumphathiswa wezobonane. 

Iqulunqwe ngu Dylan Bettencourt 

Umfanekiso ongasentla: NguDavid Mabuza 

Im velaphi yomfaneksio: Ikhasi likaTwitter