Lifezekile iphupha lenkondekazi lokuvela ku Mabonakude 

Ngu Doreen Mokgolo

Ekugqibeleni lide lafezeka iphupha lika uTshinakaho lokuba ngumlinganiswa kumabona kude. 

Lenkondekazi iphila ngemali yendodla, ineminyaka engamashumi alithoba anesithandathu isuka kwilali yaseThenzhani ichongwe ukuba ibe ngomnye wabalinganiswa kumdlalo kamabonakude odumileyo osasazwa ngolwimi lweTshivenda iMuvhango. Lenkonde idlala indima ka “Vho-Nyadzanga”, osisinyanya esikwinqanaba eliphezulu kusapho lwasebukhosini.

Uvela okokuqala ku mabonakude ebonakala ehleli kwisitulo sekumkani komkhulu, kwaye uzazise kumdlali ongu Lindelani owothuke waphantse waphelelwa ngumoya akumbona.  

Emva koko uqalise wasisithunywa esikhokhele uLindelani, simncedisa ukuba abengu Vho-Nyadzanga omtsha.  

Noxa kunjalo, esisibini siqale ubudlelwane babo, ngendlela engalunganga, kuba ubudlelwane babo bonganyelwe luloyiko. Kodwa ngokuya uqhuba lomdlalo, uLindelani uyalwamkela ubizo lwakhe olothuse wonke umntu kolusapho.  

UMananga uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba ubephila ubomi nje obuqhelekileyo kunye nomakoti wakwakhe nabazukulwana bakhe, wade wabe ufumana ithuba lokubayinxalenye yabalinganiswa kumdlalo kamabonakude iMuvhango oshicilelwa eVenda. 

“Ndandithandaza ukuba umdlalo uMuvhango unditsalelele umxeba ukuze ndifumane ithuba lokuba yinxalenye yalomdlalo, kuba oko ndandifuna ukuba ngumlinganiswa kodwa ndingazi ukuba ndingathetha nabani ukuze eliphupha lifezeke. 

“Ndaziva ndonwabe kakhulu ndakuxelelwa ukuba ndiyinto yonke ebebeyifuna, kwaye ndingoyena mgqatswa uyilungeleyo lendima,” utshilo. 

Lo mlinganiswa uthe lempumelelo yakhe imenze wakhumbula ukuba, akukho mntu mdala ngokweqileyo kangangokuba angagawafezekisi amaphupha akhe. 

“Xasele ulifumene iphupha lakho, Sebenza ngokuzimisela, ngawo onke amandla akho!”

Lo makhulu uMananga, utsala umdla womntu wonke ngentshisakalo yakhe kunye noqeqesho lwakhe, kwaye ugqwesile kulendima yakhe. 

Nangona lenkonde ingakwazi kufunda okanye ukubhala, uxhomekeke kumsebenzi wenkampani emqeshileyo uNkululeko Ndlovu kunye nabanye abalinganiswa asebenza nabo ukuba bamncedise ngoxwebhu lwemigca yakhe. 

UNdlovu uthe  uMananga “wayedalelwe ukudlala eqongeni” kwaye uyakhawuleza ukubamba imigca yakhe kwaye uyazimamela izinto ekuthiwa makazenze. 

Umfanekiso ongasentla: NguTshinakaho Mananga 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe