Ikamva likhangeleka limfiliba kwiqela leBafana 

Ngu Michael Madyirha

Ixesha elongezelelweyo: Ukungabikho kweqela loMzantsi Afrika kwimidlalo yendebe iAfrica Under-20 Cup, linyathelo elixhalabisayo malunga nezinto ezizayo, kubhala uMicheal Madyirha.

Ukubukela imidlalo yendebe yeAfrica Under-20 Nations Cup esingethwe lilizwe laseEgypt, kuvusa ukukhathazeka okukukhumbuza inqanaba ekulo ibhola ekhatywayo yelizwe loMzantsi Afrika. 

Emva kokuba uMzantsi Afrika wakwazi ukubayinxalenye yemidlalo emithathu ilandelelana kukhuphiswano lweUnder-20 Afcon ngonyaka ka2015, 2017 kunye no219, sele kuphele amatyeli amabini lingakwazi ukuba yinxalenye yolukhuphiswano. 

Kwi xesha elidlulileyo, iqela labadlali abaneminyaka engaphantsi kwamashumi amabini lalidlala indima enkulu ukukhulisa abadlali abazakudlalela iBafana Bafana. 

Ngaphandle kwamathandabuzo, undlali ogqwesileyo ukumela ilizwe loMzantsi Afrika kwesisigaba sokhuphiswano nguBenni McCarthy, owayengumdlali onamanqaku amaninzi kwiqela leBafana Bafana ngalo lonke ixesha. 

Ngonyaka ka1997, uMcCarthy waphumelela imbasa yokuba ngumdlali ogqwesileyo kolukhuphiswano waphinda waphumelela ukuba ngoyena mdlali unamanqaku amaninzi (iGolden Boot winner) kolukhuphiswano lwalusingethwe lilizwe laseMorocco njengoko uMzantsi Afrika wabagqiba ulandela iqela elithathe indebe, ngexesha apho yayilukhuphiswano lwabadlali abangaphantsi kweminyaka engamshumi amabini ananye. 

Baphinda babayinxalenye yamaqela adlala kukhuphiswano lonyaka ka1997 lweFIFA World Youth Championship, nabadlali abafana noStantonFrederocks kunye noMathew Booth baphinda banyukela kwisigaba sokuba ngamagqala eqela leBafana Bafana.  

Kwimminyaka engamshumi amabini emva koko, uLuther Singh wabuya nembasa yokuba ngoyena mdlali ufake amanqaku amaninzi kukhuphiswano lweUnder-20 eyayibanjelwe eZambia – nangona kusalindeleke ukuba athathe idawo yakhe kwiqela labadlali abadlala besizwe.

Kodwa elonaqela lishiya inkumbulo eziqaqambileyo kolukhuphiswano yayiliqela elalidlala ngonyaka ka2009, elaphuma laya kudlaleli iqela elikhulu leli elalinabadlali abafana nalowo wayenguKapteni weBafama Bafana uThulani Serero  waphinda wadlalela iqela iex-Ajax Amsterdam uThulani Serero. 

Ukanti iqela lonyaka ka2009 lalinabadlali bodumo abafana noMandla Masango, uGeorge Maluleke, uKamohelo Mokotjo kunye noRamahlwe Mphahlele.

Ukapteni weqela leBafana okhoyo ngoku uRowem Williams wadlala kolukhuphiswano ngonyaka ka2011, lusingethwe liizwe loMzantsi Afrika ngelixa uTeboho Mokoena weqela iMamelodi Sundowns wadlala kolukhuphiswano ngonyaka ka2017.

Emva kokubukela umdlali wangaphambile weBurnley uLyle Foster, kunye noNjabulo Blom kukhuphiswano luka2019 lweFIFA Under-20 World Cup, kucace gca ukuba uMzantsi Afrika uyohluleka ukufikelela kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo.   

Ingaba yintoni unobangela walengxaki, inokubonakalisa Ikamva elitshabalalayo kwiqela elikhulu loMzantsi Afrika?

Akothusi ukubona uHugo Broos esohluleka ukumilisela iqela elisisigxina loMzantsi Afrika. 

Oko wathi wabekwa kwisihlalo sokuba ngumqeqeshi weBafana Bafana ngonyaka ka2021, lommi wase Belgium sele ebize abadlali abohlukeneyo abaphantse bafikelele kwikhulu, njengoko enzinyelwe kukumilisela iqela elikhethekileyo anaokuthembela kulo limele ilizwe loMzantsi Afrika. 

Abadlali beUnder-20 abamniki umfutho woneleyo ukuba akhethe kubo, kwaye konke oku kufika ngexesha apho iqela leBafana Bafana lisokola ukufumana 

Umfanekiso ongasentla: Iqela leUnder-20 loMzantsi Afrika kukhuphiswano lwendebe yehlabathi ePoland ngonhyaka ka2019. 

Imvelaphi yomfanekiso: YiSAFA