
Ngu Buziwe Nocuze
Ukufumanisa umntu ongaziwayo owatsalela uAndiswa Magadla umnxeba ngobusuku bokusweleka kwakhe, kungaba linyathelo lokuqala ukufumana isisombululo kukufa kwakhe – kodwa usapho lwakhe luthi amapolisa akenzi kwanto ngolulwazi.
UMagadla wayengunogada oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo, ehlala kwindawo yaseDelft eKapa. Wadutyulwa wabulawa ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga yeKhala kunyaka ophelileyo.
Sele kuphele ixesha elingaphezu kwenyanga ezisixhenxe waswelekayo, kodwa usapho lwakhe luthi alukafumani kwangxelo isuka emapoliseni.
Umnxeba wakhe, umama wakhe akholelwa ukuba ubalulekile koluphando, zange wavulwa kude kube namhlanje.
UThembakazi Magadla uthi intombi yakhe yayingaphakathi kwikhaya lakhe kunye nabahlobo bayo ngethuba ifumana umnxeba kumntu owambizela ngaphandle.
Kwimizuzwana nje emva kokuba ephume phandle, abahlobo bakhe bamva ekhala, emva koko kwalandela izithonga zokudubula kompu.
Abahlobo bakhe bakhawuleza baphuma phandle, bafumanisa uAndiswa egcwele amanxeba okudutyulwa. Bakhawuleza bambalekisela esibhedlele kodwa, lalisele liphelile ixesha kuba waswelekela apho.
Oko kwathi kwasweleka intombi yakhe, uMagadla usokolo etyelela isikhululo samapolisa saseDelft ngenzame zokufumana iimpendulo.
“Amapolisa awalithatheli ngqalelo elityala. Intombi yam yadutyulwa ngeyeKhala kunyaka ka2022, kodwa kude kube ngoku asikafumani nelizwi elinye emapoliseni,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.
UMagadla ukholelwa ukuba ngoku bekufanele ikhona inkqubela phambili malunga nokusweleka kwentombi yakhe.
“Kucacile zange bazikhathaze ngokuvula umnxeba wentombi yam ukubona umntu wokugqibela ukumtsalela umxeba. Kufuneka bayibuyise ngaphambi kokuba iduke,” utshilo lomama.
Olusapho luyasokola oko kwasweleka uAndiswa. Washiya ngasemva abantwana ababini, abaneminyaka emithandathu neshumi elinesibini, kwaye yayinguye obeka isonka etafileni kwelikhaya.
“Wayesoloko elukhathalele usapho, kwaye noba ngubani owambulalayo akathathanga ubomi bakhe kuphela kodwa ubulele umondli wosapho, wabangela abantwana bakhe bakhule bengena nina,” utshilo uMagadla.
“Kubuhlungu kakhulu ukulahlekelwa ngumntwana ngoluhlobo. Amapolisa arhuqa iinyawo kwaye kunzima nangakumbi ukumzilela”
Isithethi samapolisa ephondo laseNtshona Kapa uFrederick van Wyk usiqinisekisile isiganeko sokudutyulwa esenzeka eDelft ngomhla weshumi elinesihlanu kweyeKhala.
“Inkonzo yesipolisa eDelft iphanda ityala lokubulala, kwaye nabani na onolwazi ngesisiganeko uyacelwa ukuba ezengaphambili,” utshilo.
UVan Wyck khange atsho nokuba amapolisa ayakwazi na ukufumana ulwazi olukwi mfonomfono yakhe.
Uthe nje, ukuba usapho aloneliseki luphando oluqhubayo, lwamkelekile ukuba kwenze isicwangciso sokudibana nenkumanda yabacuphi uColonel CJ Ontong.
Umfanekiso ongasentla: NguAndiswa Magadla
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe.