UMessi usengumdlali ogqwesileyo

Ngu Razzen Gutta

Umsitho weFifa wokuwonga abadlali abagqwesileyo ububanjelwe eParis ngoMvulo, apho uLionel Messi aphumelele khona imbasa yokuba ngoyena mdlali uhamba phambili kwicandelo lamadoda ityeli lesibini.

UMessi ubethe abagqatswa ebekhuphisana nabo baseFrance uKylian Mbappe kunye noKarim Benzema kule mbasa, ngelixa umdlali waseSpain uAlexia Putella efumene imbasa yokuba ngoyena mdlali ugqwesileyo kumanina.   

Ezimbasa zivotelwa ngabaqeqeshi bamaqela amazwe, ookapteni, iintatheli kunye nabalandeli.   

Umqeqeshi welizwe laseArgentina ufumene uwongwe ngokuba ngoyena mqeqeshi ugqwesileyo weqela lamadoda walonyaka, ngelixa uSarina Wiegman ebhengezwe njengo yena mqeqeshi ugqwesileyo kwicandelo lamanina emva kokukhokelela iqela laseNgilane kwimpumelelo yokuba zintshatsheli zeEuropian Championship kunyaka ophelileyo. 

Le mpumelelo kaMessi imenza abe kumgangatho olinganayo no Christiano Ronaldo (owaphumelela ngonyaka ka2016 no2017) kunye noRobert Lewandowski (owaphumelela ngonyaka ka2020 no2021) ngembasa ezimbini zilandelelana. Nangona lamagqala mabini kungekho owabizwa kunye nalomdlali weqela laseArgentine kwisizini enye.  

Unozinti weReal Madrid kunye nelizwe laseFrance uThibaut Courtois nguye ofumene le mbasa, kuquka noVirgil van Dijk, uAchraf Hakimi kunye no Joao Cancelo bafumene imbasa zabadlali abagqwesileyo bedlala ngasemva. 

UKevin de Bruyne, uLuka Modric kunye noCasemiro bafumene ezabadlali abathathu basesiswini, ngelixa uMessi no Mbappe befumene ezabadlali bamaphiko.  

UBenzema kunye nomdlali weManchester City uErling Haaland baphumelele iimbasa zabadlali baphambili, bephelelisa iqela labadlali abalishumi elinanye abagqwesileyo kwihlabathi liphela.

Nalu uluhlu olupheleleyo lwabaphumeleleyo:

Umdlali ogqwesileyo wamadoda: NguLionel Messi 

Umdlali ogqwesileyo wamanina: NguAlexia Putellas 

Unozinti ogqwesileyo wamadoda: NguEmiliano Martinez 

Unozinti ogqwesileyo wamanina: NguMary Earps 

Umqeqeshi ogqwesileyo wamadoda: NguLionel Scaloni 

Umqeqeshi ogqwesileyo wamanina: NguSarina Wiegman 

Imbasa eya kwiPuskas: IyakuMarcin Oleksy 

Abalandeli abahlamba phambili ngenkxaso: Abalandeli baseArgentina  

Imbasa ewongwa umdlali odlala ngendlela efanelekileyo, engarhuqisimrhaji: NguLuka Lochoshvili 

IFifa ikhuphe iqela elihamba phambili labadlali abalishumi elinanye: NguThibaut Courtois; uAchraf Hakimi, uVirgil van Dijk, uJoao Cancelo; uKevin De Bruyne, uLuka Modric, uCasemiro; uLionel Messi, uErling Haaland, uKarim Benzema kunye noKylian Mbappe. 

Umfanekiso ongasentla: NguLionel Messi 

Imvelaphi yomfanekiso: @leomessi