
Ngu Doreen Mokgolo
Iqela lamagqala omculo womngqungqo, imotown, welizwe laseUnited States of America, elibizwa iThe Temptations khange linyanzeliswe ukuba litye ukutya kwesintu saseAfrika ngethuba bekutyelelo lwabo lwesikolo Ekurhuleni ngoLwesibini.
Njengenxalenye yotyelelo lwabo eMzantsi, ezimvumi zeculo lakudala “iMy Girl” zityelele isikolo senkcubeko iEkurhukeni Arts and Rhoo Hlatshwayo Art Centre, ukuzibonela ngokwazo indlela abaqhuba ngayo abantu abatsha belokishini yaseDaveyton kwicandelo lenkcubeko.
Emva kotyelelo lwabo kwesisikolo, amalungu eliqela lomculo ebefanele afumane ukungcamla isidlo sokutya kwemveli yeli ebilungiselelwe ukubahlonipha kwindawo yokutya yasekuhlaleni iButcher 2.0 .
Kodwa bathe bakufika kulendawo yokutya, ezimvumi khange zibe nantshisakalo yokuba zingcamle ukutya kwasekuhlaleni – balile ukuphuma kwisithuthi sabo sotyelelo!
Iinzame ezenziwe ngumanejala wolutyelelo kunye namagosa kwisixeko sas’Ekurhuleni ziphanzile – bazimele ngokuba badiniwe, balambile kwaye bafuna ukuya kwihotele yabo.
Inkokheli yeliqela, esele isebenze nalo elona xesha lide uBenard Gibson ebengekho kolutyelelo.
Ukanti, ebutsheni bolusuku ngethuba betyelele kwisikolo seNkcubeko sas’Ekurhuleni, ilungu elitsha leliqela labelene nabantwana ngamazwi abonakalise intlakanipho.
UJackson ucebise ezimvumi zisaze ngobuso elizweni ukuba zingathembi mntu kwicandlelo lezolonwabo, kwaye kufuneka bafunde izivumelwano zentsebenziswano ngokwabo baziqondisise.
“Thatha lonke ixesha olidingayo ukuqondisisa isivumelwano ngaphambi kokuba usityikitye; sithathe usise kwigqwetha lakho ufumane uluvo lwesibini ukuba kunyanzelekile.”
“Ayingabo bonke abantu abakwelicandelo abakunqwenelela okuhle. Qinisekisa ukuba ukhuselekile, okanye uzakuphela ubanjwe sisivumelwano esizakubulala Ikamva lakho kwezomculo,” utshilo.
Ukhuthaze abafundi ebexelela ukuba iqela labo, lamisliselwa besekwisikolo samabanga aphakamileyo ngaphambi kokuba idume umhlaba wonke.
“Uqeqesho enilufumana apha, luzakudlala indima ebaluleke kakhulu ukubumba Ikamva lenu njengemvumi,” wongeze wenjenje.
Iqonga lendaba iScrolla liyaqonda ukuba utyelelo kwezizikolo ezibini belungeyonxalenye yesivumelwano sotyelelo lwabo kwilizwe loMzantsi Afrika, oluqale ekapa. Utyelelo kwezizikolo kunye nendawo yokutya, zinyakathiselwe ngomzuzu wokugqibela.
Umfanekiso ongasentla: Iqela iThe Temptations
Imvelaphi yomfanekiso: NguDoreen Mokgolo