Inkosi yenze imbali ngokubeka amanina kwizikhundla zezibonda

Ngu Celani Sikhakhane

Kwinyathelo eliphikisana kwaphela nembali yamasiko, inkokheli yemveli kwiphondo laKwaZulu-Natal igqibe kwelokuba izikhundla zezibonda ezingamadoda zithathwe ngamanina, ngenjongo yokunciphisa ubundlobongela kwilali yakhe.  

Inyathelo liqatha lithathwe nguNkosi Nathi Maphumulo sele liqalisile ukubonakalisa  iziphumo ezihle kummandla wakwaMaphumulo. 

Isikhundla sika sibonda – sasifudula isisikhundla esibekelwe amadoda. Ngawo adibanisa abantu basekuhlaleni kunye nekumkani okanye ikumkanikazi. Kwaye athatha izigqibo kwizinto zokuhlala, ezimalunga namasiko, umhlaba, imiceli mngeni yezamasiko noshishino kuquka nokungavisisani okukhoyo phakathi kwamalungu asekuhlaleni. 

Esisigqibo senze imbali ngokutshintsha izikhundla ezazifudula izeza madoda zinikezelwe amanina sibhengezwe kuleveki. 

Esisigqibo senze indumasi ngokwemveli libhengezwe ngethuba kunikezelwa ngeziko lempilo kunye nethala leencwadi kwilali zasemaphandleni uMdumezweni eMbumbulu, kumazantsi eTheku. 

UMaphumulo uxelele abahlali ukuba ukonyuka kwezinga lobundlobongela obuquka amadoda angosibonda, kumenze wathatha isigqibo sokuba awakhuphe amadoda kwezizikhundla afake amanina.          

“Sinengxaki yenani eliphezulu kakhulu lokubulawa kwezibonda, ngelixa abanye bebandakanyeka kungquzulwano olukhoyo. Ngako ke, izibonda ezaswelekayo; ndifake amanina endaweni yazo,” utshilo uMaphumulo exelela abahlali. 

“Isizathu sesokuba, abantu basetyhini ngabantu abathanda uxolo, kwaye kubuhlungu ukubona abantwana babo, abayeni, namalungu asekuhlaleni ebulawa. Yiyo lonto ungasoze ubabone bebandakanyeka kwizenzo zobundlobongela.”                           

Izibonda ezingamadoda esele zibulewe zingapha kwethoba kwiphondo laKwaZulu Natal ukusukela kunyaka ophelileyo, bebulawelwa imbambano zasekuhlaleni kunye nokungavisisani ngezikhundla. 

Abahlali baseKZN bakhe bajamelana nezinye iingxaki ezayamene namadoda angamaphakathi enkosi. 

Abanye batyholwa ngokurhwaphiliza imali yomhlaba, ngelixa abanye betyholwa ngokusoloko benxilile – nto leyo ibangela ukuba balibale ngemisebenzi yabo esemthethweni. 

Ngenxa yezizizathu, kukhona isimemelelo esisuka kwinkokheli zemveli sokuba kuvuselelwe isikolo samabanga aphakamileyo iKing Bhekuzulu High, eyayisisikolo esasisekelwe ukufundisa, sinkqonkqe iinkokheli zomthonyama kwaNongoma, kumantla ephondo laseKZN. 

Esisikolo sasifudula sisekelwe ukuba kufunde abantwana bentsapho zasebukhosini – silungiselela ingakumbi iikumkani ezizayo kunye nekumkanikazi ukuba zikhulise izakhono zazo zobunkokheli. Kwathi kwakongamela inkululeko kwilizwe loMzantsi Afrika, saqalisa savula iingcango kubo bonke abantwana basekuhlaleni, sayeka ukujongana nobunkokheli bemveli kuphela. 

Inkqubo yokufundisa yaphela itshintsha yafana nazo zonke izikolo zamabanga aphantsi. Noxa kunjalo esisikolo siyaqhubeka ukukhuthaza ukubeka phambili ubunkokheli kunye nokuziphatha ngendlela efanelekileyo. 

Uninzi lweenkosi zomthonyama esele zindala kuquka nongasekhoyo uKumkani uZwelithini kaBhekuzulu, naye wafunda kwesisikolo. 

Umfanekiso ongasentla: UNkosi Nathi Maphumulo, uNonhlanhla Jele womasipala wasekuhlaleni uMlalazi kunye nalowo wayongamele ijaji eKZN uIsaac Madondo.

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe.