Babongozwa ukuba babilise amanzi abahlali baseNMB ngenxa yesomiso

Ngu Anita Dangazele

Ngelixa imeko yokunqongaphala kwamanzi isiya isibamaxongo kumasipala iNelson Mandela Bay (NMBM), abahlali bacelwe ukuba bawabilise amanzi ngaphambi kokuwasela njengoko kungekho siqinisekiso sokuba akhuselekile kusini na. 

Abahlali balommandla baphila kwimeko yesona somiso simandla ezimbalini zalo masipala, apho amadama amakhulu sele evaliwe.  

Kwiinzame zokwandisa imithombo evelisa amanzi, esisixeko songeze amanzi avunwa phantsi komhlaba njengenxalenye yonikezelo lwamanzi. Ngenxa yoku, isixeko simemelela abahlali ukuba bawabilise amanzi aphuma kwimpompo zabo ngaphambi kokuwasebenzisa. 

Ngokwengxelo kamasipala, ukongezwa kwamanzi angaxutywanga asuka phantsi komhlaba kwiziseko zokunikezela ngamanzi kwesisixeko, izinga lamanzi eliphantsi kunye nokungazinzi kwezinga lamanzi koovimba balomasipala kwenza ukhuseleko lwamanzi lutshintshatshintshe. Oku kwenza kubenzima ukuqinisekisa ukhuseleko lwamanzi.  

Usodolophu womasipala iNMBM uCllr Retief Odendala uthe utshintsho kumgangatho wokhuseleko lwamanzi unxulumene nenkxalabo yekhemikhali, hayi ngokunxulumene nentsholongwane ezinobungozi. 

“Asitsho ukuba kukhona iintsholongwane kumanzi ethu, kwaye akakhuselekanga ukusela. 

“Sithi amanzi angangabinayo incasa eqhelekileyo, kwaye umqathango wokhuseleko ekufuneka ulandelwe ngabahlali kukuba abiliswe ngaphambi kokuba aselwe,” utshilo usodolophu uOdendaal.  

Imimandla ekumbindi wesixeko saseGqeberha ibingenamanzi kwezintsuku zintathu zidlulieyo, kwaye ixhomekeke kuphela kwiitanki zamanzi ezinkinkishelwa ngulomasipala. 

Njengenxalenye yongenelelo lwesebe lezamanzi nococeko umasipala iNMBM ufumene iloli ezihambisa amanzi ezingamashumi amabini ukongeza kwebezihleli zikhona kulo masipala ezingamashumi amabini anesithathu.

Ngokwebambela mlawuli wecandelo elihlinzeka ngamanzi kulomasipala uJoseph Tsatsire, imeko emaxongo inyanzelise ukuba kunikezelwe ngamanzi kusetyenziswa eziloli ngokukhawuleza kwindawo ezonganyelwe kukungabikho kwamanzi.  

“Iiloli ezingamashumi amabini zifikile phezolo (ngoMvulo) ziye zahlolwa ngokukhawuleza zakhutshwa ukuba zihlinzeke ngamanzi kwimimandla echongiweyo ukuba idinga amanzi nangakumbi.  

NgoLwesibini kumsitho wokuzibophelela, ooceba bomasipala waseNMBM baphinde bazibophelela ukusebenza ngokuzinikela, besebenzisana noluntu lwasekuhlaleni ukunciphisa indlela asetyenziswa ngayo amanzi, kwaye ekhuthaza izenzo zokonga amanzi. 

Usodolophu uthe okukuzibophelela yindima ebaluleke kakhulu ukubonisa iofisi yomphathiswa wesebe lamanzi necoceko kuzwelonke, ukuba isixeko sikulungele kwaye sikuthathela ingqalelo  ukulwela ukukhupha umasipala iNMBM kulengxuba kaxaka. 

UOdendaal uthe isebe lezamanzi nococeko lizibophelele ukuncedisa kuzozombini iingxaki ezijamelene nalomasipala, isomiso kunye neengxaki zococeko nogutyulo. 

Noxa kunjalo, elisebe lithi lifuna esisixeko sibonakalise ukuzibophelela kwesisivumelwano. 

Umfanekiso ongasentla:  Ooceba bomasipala iNelson Mandela Bay Municipality benxibe izikipha ezibhalwe, yonga amanzi. 

Imvelaphi yomfanekiso: NguAnita Dangazele