Amafama asakhasayo athi ngamantsintsintsi ukufumana iimpepha mvume zokulima icuba labathwa

Ngu Thabisa Ndzindzwa

Amafama asakhasayo alima icuba labathwa kwindawo zasemaphandleni kwiphondo leMpuma Kapa athi ayasokola ukufumana iimpepha mvume zokulima elicuba.

Oku kunzima nangakumbi kumlimi oneminyaka engamashumi asixhenxe osele eyinxalenye yokulima elicuba isithuba esingaphezu kweminyaka emine.

Lo mlimi uyinzalelwane yaseLusikisiki kwilali yaseMcobothini,  uthe wakwazi ukuzifumanela indawo yabucala apho atyala khona imithi yelicuba efikelele kumakhulu amahlanu, kwaye unenjongo yokwandisa isivuno sakhe. 

Lo ĵmlimi ucele ukuba angadizwa kuba ekhusela ishishini lakhe – ingakumbi njengoko engekafumani mpepha mvume. 

Uthe ebeyinxalenye yeentlanganiso ezimbalwa ebeziququzelelwa ngumasipala wasekuhlaleni Ingquza Hill, kwilinge lokuxhobisa amafama malunga nokufumana iimpepha mvume zokulima elicuba.  

“Ukufumana iimpepha mvume zokulima elicuba kubonakala kunzima kunendlela ebendicinga ngayo, kodwa basithembisile ukuba bazakufumana indlela yokusincedisa,” utshilo. 

Uthe enye ingxaki kukuba ezimpepha mvume zinikezelwa kubalimi abayinxalenye yemibutho yentsebenziswano- hayi abazilimela bodwa. 

“Eyona ngxaki inkulu ndijamelene nayo kukuba abantu abaninzi abafuni kuzibandakanya nokulima kuba kuthatha ixesha ukufumana inzuzo, kuba befuna inzuzo ekhawulezayo. Ngako ke kunzima ukusebenzisana nabantu abangentshisakalo yokusebenza,” utshilo. 

Ukwathi kummandla ahlala kuwo, kunzima ukumilisela umbutho wentsebenziswano kunye nabantu bezinye iilali kuba abamkelwa ngokupheleleyo.  

Nangona bukhona obubunzima, iphondo leMpuma Kapa lihamba phambili ngeempepha mvume ezingamashumi alithoba ananye esele zikhutshelwe amafama asakhasayo.  

“Ngamashumi alithoba ananye eziqinisekiso zokulima icuba labathwa esele zikhutshelwe amafama asakhasayo, eli lelona nani liphezulu leziqinisekiso esele zikhutshiwe kweli,” itshilo inkulu baphathiswa uLubabalo Oscar Mabuyane ngethuba esothula intetho emalunga nobume bephondo.  

Eminye yemiceli mingeni ejamelene nabalimi kukufunyaniswa benezenzo zolwaphulo mthetho. Oku kubangelwa kukuba bebethengisa elicuba ngokungekho mthethweni ngaphandle kwempepha mvume. 

“Uninzi lwabantu bethu banamatyala olwaphulo mthetho ngenxa yokuthengisa intsango ngaphandle kweempepha mvume, kwaye sijonge ukufaka isibheno kurhulumente ukuze baxolelwe bakwazi ukubuyela kushishino ngokusemthethweni,” utshilo uMabuyane. 

Umanejala wezonxibelelwano kumasipala wasekuhlaleni Ingquza Hill uBulelwa Capa uthe, akukho ziqinisekiso sele zikhutshelwe abalimi balommandla, kuba basekwinkqubo yokufundisa amafama asakhasayo ngenkqubo yokufaka izicelo zokufumana eziziqinisekiso. 

“Sifumanise imiceli mingeni emithathu kwintlanganiso esizihlale manafama. Uninzi lwabalimi bentsango kulo mmandla waseMantlaneni banamatyala olwaphulo mthetho ngenxa yeshishini lwelicuba, kwaye sele siyidlulisele ngaphambili kwi-ofisi yenkulubaphathiswa le meko,” utshilo. 

UCapa ukwathe uMasipala usekwinkqubo yokufumanisa ukuba loluphi uhlobo lwelicuba oluzaku linywa ngabalimi balommandla. Kuba zininzi iintlobo zesisityalo ezikhoyo, eziquka ukusetyenziswa ukwenza amachiza ezonyango okanye esisetyenziselwa ulonwabo. 

Umfanekiso ongasentla: Intsimi yecuba labathwa eLusikisiki  

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe