Liyaqhuba isiko elitsha lokubulawa kwabantu ngeeCawa eGqeberha 

Ngu Anita Dangazele

Abahlali baseGqeberha baphila ubomi bentshontsho ngenxa yosuku abalubiza njenge”Cawa yokubulala”, njengoko amaxhoba akutsha nje edutyulwe abulawa kwilokishi yaseZwide ngobusuku bangeCawa. 

Oko kwaqala inyanga yoMdumba,ukudutyulwa kubulawe abantu kuyagqugqisa kwizitalato zaseGqeberha.  

Yonke lengxubakaxaka yaqala ngokudutyulwa kubulawe abantu kwitheko lokuzalwa kwilokishi yaKwazakhele ngomhla wamashumi amabini anethoba kwinyanga yoMqungu, apho kwabulawa abantu abasibhozo abathathu bafumana umonzakalo. Ngabanti abalishumi elinesithoba ngoku asele bebulewe ukusukela ngoko.

Isiganeko sodubulo sakutsha nje sisube imiphefumlo emibini, uMzamo Ngumba kunye noKhanya Mali ngethuba beyokubeka omnye wabahlobo babo kwisitalato iNgwekazi eZwide. 

Ngokwesithethi samapolisa eGqeberha uColonel PriscilliaNaidu, uNgumbela wafunyanwa enenxeba lokudutyulwa entloko ekwisihlalo somqhubi kwisithuthi sakhe, ngelixa abantu abathathu ebebekhwele naye  baye babaleka kwindawo yexhwayelo. 

“Kutyholwa ngelithi esisithuthi sithe xa singena kwesisitalato kwavulelwa imvula yeembumbulu. Owasetyhini omnye, oneminyaka engaziwayo ufunyenwe kwindlu ekufutshane enamanxeba okudutyulwa entanyeni kwaye wabalekilselwa kwisibhedlele esikufutshane. Uthe wasutywa kukufa ngeyure zangentseni yanamhlanje.

“Kufunyaniswe ukuba nguKhanya Mali…Abanye abakhweli ababini abakaziwa okwangoku. 

“Amapolisa aphanda amatyala amabini okubulala kunye namabini okuzama ukubulala.”

Abahlali baseGqeberha bathi baphila ngenceba yababulali abakhohlakeleyo, abangena ezindlini zabantu nakumashishini athengisa utywala, aphinde avulele ngee mbumbulu nasezindleleni ilanga lihlabe unhlaba. 

Umsebenzi nje olula wokuphuma usiya evenkileni, sele ujike waba ngumsebenzi onzima ngenxa yomngcipheko wokwazi ukuba ungangabuyeli uphila ekhaya, 

Abahlali abaliqela, bethetha phantsi kwemeko yokunkonywa kwenkcukacha zabo ngenxa yoloyiko bathe, boyika nokuxelela amapolisa ngezikrokro zabo kungenzeka bazibizela ukufa. 

“Akukho neCawa enye kulenyanga ekhe yadlula kunga khange kubekhona udubulo kwiilokishi zethu. Siyoyika. Soyika nokuphuma amakhayeni ethu; kuba awazi noba uzobuya usaphila na. IiCawa zintsuku zokubulala – iyoyikisa lemeko” utshilo ebonakala engcangcazela kukoyika. 

Omnye wabahlali uthe bahleli benoloyiko lokukuba ingaba ngubani na ozakulandela. 

“Kangangokuba kukubi soyika nokubamba imicimbi yemveli namasiko, kuba asazi noba oonqevu bazakudubula abantu abazimase lomsitho na. Soyika nditsho nokuthuma umntwana evenkileni kuba asazi nokuba uzakudibana nembumbulu achaphazaleke. 

Omnye wabahlali uthe into abayifunayo kukuba urhulumente athumele amajoni kuba kucacile ukuba amapolisa akasakwazi kubakhusela.

“Soze ibe sisenzo nje esithe gqi esithubeni sokuba abantu bagaleleke emzini baqalise badubule. Sidinga amajoni kunye nonogada babonakale esitalatweni. Sidinga kwenziwe ugqogqo lemipu engekho mthethweni isuswe ekuhlaleni,” utshilo. 

Ngokutsho kwamapolisa, esona sizathu sokubulawa kwabantu asaziwa kwaye akukho mntu sele ebanjiwe. 

Umfanekiso ongasentla: Imoto kaMzamo Ngumbela iFord Ranger kwisitalato iNgwekazi apho adutyulwe wabulawa khona.

 Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe