Impumelelo yeDabi laseSoweto izise isiqabu kuZwane – nangona kusagqutha

Ngu Micheal Madyira

Umqeqeshi weqela leKaizer Chiefs uArthur Zwane uvakale ekhululekile emva komdlalo wangoMgqibelo wedabi laseSoweto apho iqela lakhe liphumelele ngenqaku elinye kwimbande yesikhova libetha iOrlando Pirates. 

Amakhosi kufuneka abulele umdlali wangasemva weOrlando Pirates uOlisa Ndah osuke esitulweni wafika ebaleni wafaka inqaku kunozinti wakhe uSipho Chaine, wafezekisa impumelelo yaMakhosi. 

Lo ibingumdlalo wesibini wedabi laseSowetho uphunyelelwa liqela leChiefs kulesizini, emva kokuphumelela lo mdlalo wePremier Soccer League ngenqaku elinye kwimbande yesikhova ngenyanga yeDwarha kunyaka ka2022. 

Impumelelo yangoMgqibelo ikhokelele ekubeni uZwane enze imbali ngokuba ngumqeqeshi wokuqala oyinzalelwane yeli weqela laMakhosi ukuphumelela elidabi ngokubetha AmaBhakaniya amatyeli elandelelana ngesizini enye. 

Iqela leKaizer Chiefs lingene kulomdlalo wedabi lingekho mfuthweni ngenxa yoxinizelelo kubadlali nakumqeqeshi. 

Ngaphambi kwalomdlalo, amarhe ebesithi umsebenzi walomqeqeshi uneminyaka emgamashumi amane anethoba usemngciphekweni ngenxa yendlela engonelisiyo elidlala ngayo eliqela. 

Emva kwempumelelo yangoMgqibelo, uZwane ufumene isiqabu watsho waphefumla ngokukhululekileyo, waphinda kwakhona intetho yakhe esoloko isematheni l, “Sinaso isicwangciso.”

“Ndandike ndatsho kwixa elingaphambili ukuba siliqela sinazo izicwangciso,” utshilo uZwane exelela onondaba emva kwalo mdlalo. 

“Xa uqala into kuzobakhona ubunzima kuba uzama ukuseka isiseko esiluqilima.”

“Kungoku nje sizakufumana amanqaku amathandathu kuba andifuni abadlali bethu, bagxile ekubethi iPirates kuphela.

“Sifuna ukubetha onke amaqela esidlala nawo, kodwa lo mdlalo ibingomnye obalulekileyo kuthi.”

Abalandeli beqela leChiefs bebesisifu ngumsindo ngaphambi kwelidabi, ukanti ukubetha iPirates kungenza babenosizi ngakumqeqeshi waMakhosi.  

Emva kokuphumelela imidlalo yedabi emibini, kungenzeka kubelula ukulibala ukuba iChiefs ibethwe yiMamelodi Sundowns kunye naMaZulu ngamanqaku amane kwimbande yesikhova kuyo yomibini lemidlalo. 

Eminye imidlalo engaginyisi mathe enokulibaleka kwiqela leChiefs iquka ukubethelwa ekhaya yiChippa United, iSekhukhune United kunye neGolden Arrows kwiveki ephelileyo. 

Ukohluleka kweqela leKaizer Chiefs kwimidlalo emithathu lidlala nabadlali abalishumi kwimidlalo emine yokugqibela kuzakogqunywa yimpumelelo yalo kwimidlao yedabi. 

Umfanekiso ongasentla: NguArthur Zwane 

Imvelaphi yomfanekiso: Kaizer Chiefs