Batyholwa ngokuzithi pahaha esidlangalaleni iindaba zabantu abaphila noGawulayo abongikazi 

Ngu Buziwe Nocuze

Abantu abaphila nesifo sikaGawulayo abasebenzisa amaziko empilo kwilokishi yaKwaLanga eKapa, bakhala ngempatho mbi kubongikazi. Batyhola ngelithi baphuma kulamaziko wonke ubani esazi ukuba baphila nentsholongwane ka gawulayo, kwaye isidima sabo kunyathelwa phezu kwaso. 

Oku kubangelwa ngabongikazi “abangenaso isakhono” kumaziko empilo karhulumente ezilokishini, abangakwaziyo ukugcina imeko yempilo yezigulane zabo iyimfihlo. 

Amawaka abantu abagulayo kulo lonke eli, bayeka phakathi ukutya amachiza abo, baphele besweleka nganxa yoloyiko lokuhlazeka esidlangalaleni. 

Iingcali zithi, ucalucalulo olurhangqe abantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo kungabangela ukuba abantu bayeke phakathi ukusela amachiza abo. 

Abanye abantu abagulayo baxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba banyamezele ukuthukwa, bahlazwe ngaphambi kwezinye iziguli. 

Bachaze iziganeko ezothusayo ezibonakalisa ukungabikho kwesakhono, ezilinganiselwa kwinqanaba lokuxhatshazwa kwelungelo labucala lomntu ogulayo.

ULusindiso Jack oneminyaka engamashumi amathathu anethoba, wothuka kakhulu akuva omongikazi exelela umntu ogulayo esithi ukuba uyaqhubeka nokungaseli amachiza akhe ngendlela uzakufa. 

“Abanaso kwabona isakhono,lo mongikazi zange abonakalise kuzisola nasemva kokuba ekhuziwe ngabanye abantu abagulayo. 

“Waqhubeka ethetha ngokungakhathali esithi ‘andizukucenga ukuba usele amachiza akho; nguwe ozakufa kodwa nguwe ozakungcungcuthekiswa zintlungu ngaphambi kokuba ufe’.” 

Umhlobo kaThandiswa Mamane wayeye kwiziko lempilo efuna ukuncedwa ngamachiza ezifo ezosulela ngokwabelana ngesondo, kodwa wathukwa wahlazwa ngaphambi kwabanye abantu abagulayo. 

“Lo mongikazi waqhubeka esithi itshomi yam ihamba ilala ngathi ngumntwana ofikisayo, ongazinto ngezifo ezosulela ngokwabelana ngesondo.  

“Bathatha isifungo sokuba bazakubonakalisa isakhono, kodwa benza into eyahlukileyo, banyhasha namalungelo oluntu ngaphezu kwesifungo esi basifungayo. Kufuneka kungenelelwe ngokukhawuleza.” 

Itshantliziyo lasekuhlaleni uZongamele Baliso uthe, abahlali banganyanzeleka ukuba benze uqhankqalazo. 

“Ndayofumana ingxelo ngeliziko, ndikwizicwangciso zokuhlala intlanganiso nabaphathi. Kuthiwa abantu bayasokola, akukho nto igcinwa iyimfihlo kwaye akubonakali sakhono kubasebenzi.” 

Abantu abaninzi abagulayo bakholelwa ukuba abasebenzi beliziko bekufanele banesakhono kwaye babonakalise intlonipho. 

“Ndiyakholelwa ukuba lilungelo labongikazi ukungxolisa abaguli xa bengawaseli amachiza abo, kodwa oku kufuneka bakwenzele bucala. 

“Akhona amagumbi angena bantu, abanokuwasebenzisa abongikazi ibe nguye nomguli wakhe ongenzanga kakuhle ukutya amachiza akhe, hayi ukuba bahlazwe esidlangalaleni ngaphambi komntu wonke.” 

Ilungu lesigqeba sika sodolophu wesixeko saseKapa kwicandelo lenkonzo zasekuhlaleni nezempilo uPatricia van de Ross uthe isebe lezempilo linenkqubo elandelwayo yokuqubisana nezikhalazo, izincomo kunye nokunika iingcebiso kumaziko abo. 

“abantu abagulayo bangafaka isikhalazo kumanejala weziko elo, okanye usekela wakhe kuba bakhona kulamaziko. Luxanduva lwazo zonke iofisi ukuqinisekisa ukuba izikhalazo ziyaphandwa kwaye zilungiswe.” 

Umfanekiso ongasentla: Iziko lempilo laKwalanga eKapa, elityholwa ngokungabina sakhono nokunyhasha amalungelo abucala abaguli. 

Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze