
Ngu Mashudu Mabila
Ilizwe loMzantsi Afrika lizaku nikezelana ngezigaba ezohlukeneyo zokucinywa kombane kwakhona kuleveki.
NgeCawa inkampani ephehla umbane, uEskom, ibhengeze ukuba inkqubo yokucinywa kombane esele ihleli kwisigaba sesine ngokusemthethweni, izakuncitshiswa iye kwisigaba sesithathu emini kuphela ukusukela ngoLwesibini nangoLwesithathu.
Nangona kunjalo, isigaba sesine sizakuqhuba kude kube yintsimbi yesine emalanga ngoMvulo.
Kodwa uEskom uphinde wabhengeza ukuba isigaba sesihlanu sizakuqhuba kude kubeyintsimbi yesihlanu ngentseni yangoLwesibini..
Emva koko inkqubo yokucinywa kombane izakuncitshiswa iyotsho kwisigaba sesithathu ukusukela ngentsimbi yesihlanu kusasa kude kube yintsimbi yesine malanga, zombini ezintsuku uLwesibini noLwesithathu, nalapho kuzakuphinde kumiselwe isigaba sesine ukusukela ngentsimbi yesine emalanga ukuya ngentsimbi yesihlanu ekuseni.
Kubemi beli abafuna ukwazi ukuba ngo i ubusuku apho kuzakuba mnyama nangakumbi, uEskom ubhengeze ukuba uzakupapasha ezinye inkcukacha ezongezelelweyo, ngokukhawuleza xa kuthe kwakhona utshintsho.
Kweziyure zingamashumi amabini anesine zidlulileyo, kwiziko ngalinye lokuphehla umbane kubuyelwe umatshini omnye emsebenzini, eArnot, eGrootvlei, eKendal, eMedupi kunye naseTutuka .
Noxa kunjalo, ukophuka kwemitshini yokuphehla umbane eCamden, eMajuba naseMatimba, kubangele ukuba kubekhona oovimba abavalwayo ukuze balungiswe.
Ukanti inkampani ehlinzeka ngombane eJohannesburg iCity Power iyazama ukunciphisa okukubhideka kubathengi bayo. Imbalelwano eyikhuphileyo ifundeka ngouhlobo: “Abasebenzisi bombane iCity Power bazakufumana ukutshintsha tshintsha kwezigaba sokucinywa kombane kulolonke eli njengoko locimi-cimi wombane uhliselwa kwisigaba sesithathu kuleveki.
Umfanekiso ongasentla: Inkqubo yokucincwa kombane yakwaEskom
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter