
Ngu Zukile Majova
Umphathiswa wesebe lezimbiwa namandla uGwede Mantashe, umile kweloku wenza umsebenzi oncomekayo, nangona ilizwe loMzantsi Afrika lijamelene nengxaki eyake yankulu yokunqongophala kwezamandla.
UMantashe utyholwa ngokuphazamisa inkqubo kwinkampani ephehla umbane uEskom, elibazisa ukuphehlelwa kwenkqubo enika imvume iinkampani ezizimeleyo ukuba zivelise umbane (IPP) kunye nokumiliselwa kwenkqubo yemveliso yombane ngendlela ekhuselekileyo kokusingqongileyo iJust Energy transition.
Unobhala kaNondyebo welizwe laseUnited States uJanet Yellen wabanentlanganiso noMantashe ngenyanga yoMqungu kwinzame zokuqonda uloyiko lwakhe malunga nokumiliselwa ngokukhawulezileyo kwenkqubo yeJust Energy Transition ezakuxabisa iR156 billion: ezakususa ukuxhomekeka okumandla kwimveliso zombane kusetyenziswa amalahle, kusetyenziswe iimveliso zamandla ahlaziyekayo.
UMantashe uthi unenxaxheba yokufaka isandla kwindlela zokufumana isisombululo kwinkqubo kacimi-cimi wombane – kodwa inkampani yakwa Eskom ayilosana lwakhe.
“Inkampani yakwa Eskom yayihleli iliqumrhu likarhulumente, ngokwemvelaphi. Kodwa mna sele ndingumphathiswa wesebe lezamandla iminyaka emine, kodwa zange ndaba ngumphathiswa ojongene noEskom.”
Kwixesha nje elincinane sele ingumntwana wam.”
UMongameli uCyril Ramaphosa uqinisekisile ukuba uEskom uzakusuka kulawulo lwesebe lamaqumrhu karhulumente, abephantsi kolawulo lwesebe likaMantashe.
UMantashe unyanzelisa ukuba, kufanele abekwe isiphene ngomsebenzi awenza kwisebe lezimbiwa namandla, apho acinga ukuba wenza umsebenzi oncomekayo.
“Kuqhuba inkqubo yokucinywa kombane, kwaye sonke sofaka isandla ukufumana isisombululo kulengxaki. Ukuba uMongameli uthi kufanele kuthathwe ikhondo lokuba isonjululwe ngokufunelwa umanejala wayo, qwalaselani lonto, umphathiswa ojongene nalomba, ngako ke andizuhlala ubusuku nemini ndingalali yilonto.”
Ukuba kufuneka ndigxothiwe (ngenxa yocimi-cimi wombane) kunye nengxaki ezambethe uEskom, andisiboni isizathu sokuba ndigxothwe.”
“Izimbiwa ziqhuba kakuhle. Ezamandla ziqhuba kakuhe,” utshilo kwiqonga lendaba iNewzroom Afrika.
Yayikwa nguMantashe owaphembelela ukugxothwa kwengqonyela yakwaEskom uAndre de Ruyter kulenkampani, ngethuba etyhola omanejala baka Eskom ngoku “pheka iyelenqe lokuvukela umbuso”.
“Nokuba ngowuphi urhulumente angabhukuqwa ngenxa yesigaba ekuso inkqubo yokucinywa kombane. Inkampani yakwa Eskom, ngoku ngathathi manyathelo okuqubisana nocimi-cimi wombane, iphembelela ukubhukuqwa kombuso. Ukuba ayilungiswa, oko kuthetha ukuba umbuso uyohluleka kukwenza into ekufane uwenze… Inkqubo yokucinywa kombane ifuna ukuthathelwa ingqalelo, ngokukhawuleza, kunokuba ibethwe ngoyaba.”
Ukanti esinye isono sikaMantashe, kukungabina themba kwinqubo yokusetyenziswa kwemveliso zamandla ahlaziyekayo.
Kwiveki nje ephelileyo, uthe imveliso zamandla ahlaziyekayo, zizakuzisa uzinzo kunikezelo lombane, kodwa ngeke ziyiphelise inkqubo yokucinywa kombane.
Ethetha nepalamente kwinkqubo karhulumente yokunikezela imvume kwinkampani ezizimelo ukuba zivelise umbane, uMantashe uthe, Inkampani ezizimeleyo zeli, ezingamshumi asibhozo anethoba zivelisa umbani olinganiselwa ku6 000 megawatts, ekuyimveliso engaphantsi kakhulu kuleyo idingwa leli ukuze kuphele inkqubo kacimi-cimi wombane, okanye zinikezele ngamandla ekunokuthenjelwa kuwo emigodini nakwindawo zeemveliso.
Umfanekiso ongasentla: UGwede Mantashe okholelwa kwimveliso zamalahle, ukhangeleka engumqombo kwinkqubo yemveliso zamandla ahlaziyekayo
Imvelaphi yomfanekiso: @GwedeMantashe1