UEskom utyala imali kwiimveliso zemoto zombane, nangona ucimi-cimi wombane ukwisigaba sesixhenxe

Inkampani ephehla umbane enzinyelwa kukugcina izibane zilayitile kweli, ibhengeze ukuba izakuba yinxalenye yoshishino lwemoto esizebenzisa umbane. 

Ngomgqibelo umonde Bala ulilungu lesigqeba sakwaEskom uthe inkampanni yakwaEskom izilungiselela ukudlala indima ebaluleke kakhulu, ukuxhasa ukuveliswa kwemoto zombane kwilizwe loMzantsi Afrika. 

Kwimbalelwano ekhutshiweyo, uEskom uthe uzimanye noluhlu lweenkampani zeli ezixhasa iphulo leemveliso zemoto ezisebenzisa umbane iE-Fest ityala imali efikelele kwizigidi ezimbini nekhulu lamawaka eeRandi, ezakusetyenziswa ukubonakalisa indima edlalwa bubuchwepheshe benkampani yakwa uEskom ukuvelisa ezimveliso zisebenza ngombane.  

Inkampani yakwa Eskom yakha amaziko emveliso, ukuxhasa imoto zombane kweli. Ukanti ezimveliso zikwakhuthazwa kuba zizakunika isisombululo esisesinye kwinkqubo kacimi-cimi wombane.  

Kungoku nje uEskom uneziza ezine ezisebenzisa ubuchwepheshe bombane: kuquka iFicksburg eseFree State, iLyndecoh  eKapa. iSwartkops esemntla ntshona kunye neElandskopBess kwiphondo lakwaZulu-Natal, kwaye amanye asacetywayo ukuba akhiwe. 

Noxakunjalo, eJohannesburg, inkampani ehlinzeka umbane iCity Power ibarhoxisile okwethutyana abasebenzi bayo, kunye nenkampani ezinesivumelwano nabo  kummandla waseCleremont nase Westbury ngenxa yenkxalabo ngokhuseleko lwabo. 

Abasebenzi abalungisa umbane bayahlaselwa ngethuba beyolungisa, kwaye ababasebenzi bacutshwa ngonqevu itshilo iCity Power. 

Kwinyanga ezimbalwa zidlulileyo, iCity Power ixele ingxelo eziliqela zokuhlaselwa kwabasebenzi bayo kwezilokishi zihluphayo. 

Iqulunqwe ngu Mashudu Mabila 

Umfanekiso ongasentla: Inkqubo yokucinywa kombane: Eskom loadshedding 

Imvelaphi yomfanelkiso: Ikhasi likaTwitter