Amanina azakuxhamla kushishino lotywala bemveli iAmarula 

Ngu Celani Sikhakhane

IKumkani yesizwe saKwaZulu ihlaba ikhwelo kurhulumente ukuba kuthathelwe ingqalelo ukudidiyelwa kotywala besintu iAmarula bulungiselelwa ushishino kwiphondo laKwaZulu-Natal, ngeenzame zokulwa nezinga eliphezulu lentswela ngqesho. 

UKumkani uMisuzulu kaZwelithini ukuthethe oku ngoMgqibelo kumnyhadala weAmarula owaziwa ngoMkhosi Wamaganu, eJozini. 

Lomnyhadala ubanjwa unyaka nonyaka ubhiyozela ukuvunwa kwamaqunube e-amarula ngenyanga yoMdumba.  

Imithi yeAmarula ifumaneka kuzo zonke iilali eziphantsi kwenkosi zaseMngomezulu kunye neeNkosi zakwaTembe ezikufutshane nomad weli neMozambique. Abahlali bezilali bavuna lamaqunube bazenzele utywala besintu beAmarula. 

Obunye bobutywala babuthengisa kwizitalato zaseJozini, kodwa uninzi lwayo bayayigcina, bazonwabise ngayo nokuba babe nento yokusela ingakumbi ngentsuku zokutshisa kwelanga.  

Kodwa ngoku, uKumkani uMisuzulu kaZwelithini ubaxelele ukuba ixesha lobumnandi liphelile. 

“Lixesha lokuba nixhamle ngokwezoqoqosho kwimveliso ye amarula, kuba bubutyebi benu kwaye kufuneka yenziwe ushishino ukuze ushishino lwayo luqubisane nezinga eliphezulu lentswela ngqesho, esijamelene nalo kwiphondo lethu.”

“Kwintetho endiyenze kumsitho wokuvulwa ngokusesikweni kwepalamente yaseKZN, ndikubeke kwacaca ukuba siqala ikhasi elitsha. Lixesha lokuba abantu bethu baxhamle iimfanelo zabo kwezoqoqosho bexhamla ngemisebenzi yabo yesintu,” utshilo. 

Umemelele usapho lweKumkani ukuba lusondele ebantwini basekuhlaleni kwaye lube yinxalenye yophuhliso lwabo ngokwezoqoqosho. Ufuna usapho lobukumkani baKwaZuliu lubeyinxalenye yayo yonke into esingethwe ziinkokheli zemveli, kunye nabahlali ukuze kubekhona inkxaso nobunye kwesisizwe.  

Ngolwesine ngethuba esothula intetho yakhe ePietermaritzburg, ubhegeze ukuba ziyaqhuba izicwangcwiso nabathathi nxaxheba abohlukeneyo, ukuqinisekisa ukuba umhlaba ophantsi kwe-Ingonyama Trust uyaphuhliswa ukuze abahlali bakwazi ukuxhamla ngokwezoqoqosho ngemisebenzi yoshishino abayenzayo. 

Uyiqhwabele izandla Inkosi uMabhudu Tembe, webhunga lenkosi zemveli iTembe Traditional Council  ngokuvuselela umnyhadala wonyaka nonyaka weAmarula ukuze utsale abatyeleli. 

Umphathiswa wezamasiko nenkcubeko kwiphondo laseKZN uAmanda Bani Mapena, ubhengeze ukuba sele ziqalile iingxoxo malunga nokuba luzakwenziwa njani ushishino lwe-amarula ukuze abahlali bakwazi ukuxhamla.  

Amanina kulindeleke ukuba axhamla nangakumbi, kuba ngawo aphambile kwinkqubo yokuvuna.  

Ngomgqibelo, iKumkani ibingqongwe ngonogada bayo abakwinqanaba eliphezulu kunye namapolisa. 

Kodwa ngoLwesine, kumsitho wokuvula ngokusesikweni ipalamente yaseKZN, bokungonogada be ofisi kaMongameli abamkhuphele phandle ngethuba kuvumbuka ingxabangxwaba ebangelwe ngamalungu ombutho weEFF ebezama ukuthintela inkulubaphathiswa uNomusa Dube Ncube angayothuli intetho yakhe emalunga nobume bephondo. 

Umfanekiso ongasentla: Amanina elali zakwaTembe naseMngomezulu notywala babo besintu iAmarula bebhiyozela ixesha lesivuno seAmarula okanye Amaganu ngoMgqibelo 

Imvelaphi yomfanekiso: Isebe lezenkcubeko namasiko lephondo laseKZN