
Ngu Doreen Mokgolo
Oonqevu kukhala owabo umthetho kwizikolo ezisentshona Ekurhuleni. Abafundi banyanzeliswa ukuba bahloniphe amalungu ezizikrelemnqa okanye banyamezele ukundlandlathekiswa bexhatshazwa.
Oku kuquka noceba wakwa ward 86 uNsizwa Mekgwe, okhokhele iphulo elibizwa ngeSarturation Patro eliphehlelwe kwizikolo ezohlukeneyo kulommandla.
Kugqogqo lwabo lwakutsha nje ezikolweni bafumene umpu, iimela, iziyobisi kunye nezixhobo zokutofa ngenaliti.
UMekgwe uthe abanqwevu bohluka hlukene. Bazibiza amaqela ekuthiwa yiTokyo, iJapan kunye Amabutho. Ukanti iqela Amarussia (abase Lesotho) kukholeleka ukuba anento yokwenza nokwembiwa kwemigodi ngokungekho mthethweni.
Amalungu angabafundi axhoba ngemipu, iimela, izinti kunye nezinye izixhobo
Bakholelwa ukuba bakhuselwe ngumtya wesikhumba abawufaka engalweni ufakwe iyeza, abalithenga kwixhwele lasekuhlaleni elinyanga lisebenzisa amachiza emveli.
UMekgwe uthe kutyholwa amalungu oonqevu ngokuthengisa iziyobisi kumasango ezikolo.
Abafundi badize ukuba bayazitofa, baphinde batshaye inyaope kunye necrystal meth kwizindlu zangasese ngexesha besesikolweni.
UMekgwe uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba lamaqela oonqevu asukela kwizikolo zolwaluko ezingekho mthethweni apho kuthunjwa amakhwenkwe, oluswe ngenkani kwaye aqaliswe anyanzeliswe ukuba asebenzise iziyobisi.
“Bathi banyanzeliswe ukuba babe ngamalungu oonqevu, baqhubele phambili nomsebenzi weqela elo loonqevu esikolweni nasekuhlaleni,” utshilo.
UMekgwe wongeze ngelithi bazimisele ngokulwa impi yeziyobisi ezikolweni kwaye bazakuqhuba besenza ugqogqo olungacetwanga, ukuqinisekisa ukuba izikolo zikhuselekile, zilungele ukufunda nokufundisa.
Omnye wabafundi ocele ukungadizwa kuba esoyikela ukhuseleko lwakhe uthe, ukubayinxalenye yeqela loonqevu kuthetha ukuba uzakundlandlathekisa abafundi, ubakhuthuze kwaye ukhusele amalungu eqela lakho xakukhona elinye iqela loonqevu ewahlaselayo.
“Amaxesha amaninzi sinyanzeleka ukuba siye kwizikolo ezisingqongileyo siyolwa, sikhusela igama leqela. Ukuba siyabizwa kufuneka sisabele ngendlela efanelekileyo ukukhusela amalungu eqela elo.”
Isithethi samapolisa aseDududza uSergeant Noluthando Mahlangu uqinisekisile ukuba baphanda ityala lokufuyaniswa nompu ngokungekho mthethweni.
“Lomfundi usemncinci ukhululelwe kukhuseleko lwabazali bakhe, kwaye uphando luyaqhuba,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla: Umfundi oyinxalenye yeqela loonqevu, uveze intambo yakhe yengalo.
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe