Abahlali bamatyotyombe eKTC eKapa bafuna ashiye usihlalo weSanco

Ngu Buziwe Nocuze

Abahlali bamatyotyombe aseKTC eKapa batyhola usihlalo wombutho wabahlali (iSanco) ngokubacalula kwaye bamemelela ukuba ashiye kwesisikhundla. 

Abahlali batyhola ngelithi, usihlalo weSanco unetiyo ngakubantu abahlala emikhukhwini kwaye, ubabekela bucala xakuvela amathuba emisebenzi. 

Ngokutsho kuka Cynthia Lebenya ongusihlalo wekomiti yabahlali baseKTC, usihlalo weSamco usoloko ezibekela bucala izimvo zabo xakubanjwe iintlanganiso, kwaye unikezela ngemisebenzi ebekelwe abahlali base matyotyombeni kwabo bahlala ezindlini. 

“Ubajongela phantsi abahlali basematyotyombeni,” utshilo uLebenya. “Nditsho nabahlali abazithatheli ngqalelo izinto esizithethayo kwaye basijongela phantsi.” 

Ababahlali batyhola ngelithi bavalelwe ngaphandle kwithuba lokuba babe yinxalenye yamalungu amathandathu aphezulu kwisigqeba seSanco. 

“Akakwazi nokuyifihla intiyo anayo ngakuthi. Uthe asinokwazi ukuba yinxalenye yamalungu amathandathu aphezulu, kuba singatshintsha indawo yokuhlala nanini na.”

Noxakunjalo, usihlalo weSanco uNkosikhona Mafenuka uziphikile ezizityholo. Utyhola ababahlali ngokufuna ibe ngabo kuphela abaxhamlayo kwimisebenzi evelayo. 

“Isono sam kukwenza izinto ngokwemigaqo nkqubo. Soze ndivumele abantu bafumane imisebenzi ityeli lesibini ngelixa kukhona abantu abangazange basebenza. Kuphela kwesizathu esibangela babenengxaki nam.” 

Uthe akasazi isizathu esibangela ukuba bafune ashiye kwesisikhundla. 

Isixeko saseKapa sichazile ukuba umsebenzi wenkqubo iExpanded Public Works Programme (EPWP) ngusebenzi owenzelwe abantu abafuna imisebenzi ekuhlaleni kuzozonke iiward, ngaphandle kokuba kukhona iprojekhthi ethile ekhoyo ekuhlaleni. 

Imisebenzi ivezwa lisebe elo liqhuba lomsebenzi, abantu abafuna ingqesho bachongwa kuluhlu olugciniweyo lwabantu abafuna umsebenzi, amagama achongwa kungajongwanga zakhono, kujongwe ukuba leprojekthi izakwenziwa kweyiphi indawo kuphela.  

Umfanekiso ongasentla: Abahlali bamatyotyombe aseKTC eKapa, bacula amagwijo ngaphambi kwee ofisi zeSamco. Batyhola usihlao weSanco ngokungabaniki imisebenzi eyenzelwe bina. 

Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze