
Ngu Celani Sikhakhane
UKumkani uMisuzulu kaZwelithini kunyanzeleke ukuba makaphume nonogada bakhe kwizindlu zorhulumente wephondo laseKZN ngoLwesihlanu, ngethuba kusothulwa intetho engobume belaphondo.
Esisiganeko senzeke ngolwesihlanu kumabala ebhola yecricket iOval Cricket Stadium ePietermaritzburg, apho inkulubaphathiswa uNomusa Dube-Ncube ubesothula khona intetho yakhe engobume bephondo.
Inkulubaphathiswa inyanzeleke ukuba ihlale phantsi emva kokuba ibulise uluntu ebeluzimase lomsitho.
Umbutho weEFF uphazamise uDube-Ncube, unyanzelisa umphathiswa wesebe lophuhliso loqoqosho okwangusihlalo wombutho weANC kwelaphondo uSboniso Duma, ukuba ibenguye owothula lentetho.
“[Umphathiswa] lixoki,” utshilo uMongezi Twala ongusihlalo weEFF eKZN. “Uhambe waya kwipalamente kazwelonke, waxoka enganyanzeliswange, ekhohlisa isizwe sonke.”
“Ubhengeze ukuba onke amaxhoba eempuphuma alungiselelwe indawo tokuhlala. Sithetha nje, abantu bahleli kwindawo ezingafanelekanga eThekwini yeSouth Beach. Abantwana babo abakwazi nditsho nokuya esikolweni.
Utwala uthe uDube-Ncube ulawulwa nguDuma.
Njengoko bekubonakala ukuba umdla uyaphela ebantwini, onogadada bekumkani kunye nabacebisi bayo bafikile bayingqonga. Bamkhuphele ngaphandle kwelitheko wangaphinde abuye,
Ibikokokuqala okokwathi kwafika inkululeko, ukuba ikumkani ishiye intetho emalunga nobume bephondo.
Amanye amalungu ombutho weANC ekurhulumente wephondo, aphakamile agrogrisa ngokulwa namalungu eEFF.
USomlomo uNontembeko Boyce ubize uSergeant wezixhobo kunye noogogada bepalamente yephondo ukuba bangenelele – kodwa umbitho weEFF khange ubabonele ntweni.
UBoyce unyanzeleke ukuba awinqumanise lomsitho, imizuzu elishumi. Utsalele amapolisa ukuba azekhukhuphela ngaphandle amalungu ombutho weEFF, emva koko kuqalile ukothulwa kwentetho emalunga nobume belaphondo.
Umfanekiso ongasentla: UKumkani uMisuzulu kaZwelithini kunye nenkulubaphathiswa uNomusa Dube-Ncube befika kumsitho wentetho emalunga nobume bephondo
Imvelaphi yomfanekis: NguCelani Sikhakhane