
Ngu Dalphine Tagwireyi
Ukweba inwele iBrazilian wigs kubaqhubi beemoto nakubahambi ngenyawo, yeyona ndlela ilula yokwenza imali kubantwana abahlala kwizitalato zaseHarare.
Ababantwana, bathatha ezi wig bazibileyo bayozithengisa kumashishini alungisa iinwele bafumane imali, okanye bazitshintshise kwabo bathengisa iziyobisi babanike iziyibisi zohlobo lwe crystal meth, iyeza lokukhohlela okanye iglue.
Ethetha neqonga lendaba iScrolla.Africa, uJacob Mavengere oneminyaka elishumi elinethoba ohlala kwezizitalato uthe sele kuphele unyaka esebenza ukweba iwigi.
“Yeyona ndlela ilula yokwenza imali, kuba amanina akanamandla kwaye abalwi bezama ukuzuphindezela. Andifuni kuxela abantu endithengisa kubo, kuba bazoyeka ukuthenga kum,” utshilo.
Wongeze ngelithi, lomsebenzi uwenza kakuhle kakhulu ebusuku, kuba uyakwazi ukuyeba akhawuleze abaleke angabonakali kuba kusebusuku.
UMathias Dzapasi oneminyaka engamshumi amabini ananye, uthe ukweba iwigi kubaqhubi bemoto kunye nabahambi ngenyawo kumsebenzi ofuna umntu akwazi ukuba yimbaleki ephume izandla, ayikho enye into.
“Ukuba ufuna ukutyelela umbindi wedolophu, ungayinxibi iwig yexabiso, kuba iyayeka ukuba yeyakho ngomzuzu nje ubeka umcondo wakho kwindawo zethu esisebenza kuzo.”
“Ukuba uyaqhuba, qiniseka ukuba ifestie zivaliwe kuba sicupha amaxesha oxinano lwemoto ezindleleni, kwaye ngethuba kanye amarobhothi eqalisa evala ngelitha elibomvu – siyaqalisa siyitsale kuba ifuna ube nobulumko,” utshilo.
Omnye wamaxhoba uEustania Nguruve waseHarare, owalahlekelwa yiwig yakhe exabisa amawaka mathathu namakhulu amathandathu eeRandi ($200) ebutsheni benyanga yoMdumba, uthe abantwana abahlala kwezizitalato bajike babayimi gulukudu yamasela.
“Iwig yam yeBrazillian yathathwa ngethuba ndiwela umgaqo kwiveki ezintathu ezidlulileyo kumbindi wedolophu. Ngoku ndiphila noloyiko lokuba, kwixa elizayo bazothatha umnxeba okanye ibhegi yam,” utshilo.
“Iwig zeBBrazillian zixabisa imali enkulu, kwaye ndaxelelwa ukuba bazithengisa kumashishini alungisa iinwele nangamaxabiso aphantsi kakhulu. Ndicinga ukuba abo bathenga eziwig kubo kufuneka bathinjwe nabo.”
Elinye ixhoba uEline Chipere uthe walahlekelwa yi wig yakhe ngenyanga yoMqungu ngethuba waye qhuba edolophini eHarare.
“Bandebela kabuhlungu enye yewig zam ezixabisa imali enkulu ngenyanga yoMqungu.”
“Bazithengisa ngexabiso eliphantsi, ekuyeyona nto indivisa ubuhlungu xandidyicinga.”
“Basoloko begacele iwig zexabiso, ezifana ne Braziliam, iPeruvian, iMongolian kunye neItalian. Sidinga uncedo lwamapolisa, kodwa akukhonto bayenzayo ngalemeko,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla:Owasetyhini onxibe iBrazilian wig eHarare
Imvelaphi yomfanekiso: NguBusisiwe Moyo