
Ngu Zukile Majova
Ilizwe loMzantsi Afrika lijamelene nomceli mngeni omtsha, wokuthi gqi kwenqwaba yemibutho yezopolitiko emincinci, enezihlalo ngasinye okanye ngambini kumabhunga omasipala abakhulu, ufumanise ukuba ulawulo lwaba Masipala lusezandleni zayo.
Lemibutho ikhokhelwe yindoda enye kunye neqaqobana labalandeli, ilawula umasipala wonke ngomyinge wevoti yepesenti enye kuphela.
Izikhulu zayo zinyanzelisa ukunikwa izihlalo eziphezulu, ezifana nesika somlomo webhunga, ngamanye amaxesha nesika sodolophu womasipala ombaxa.
Ingaba kwenzeke njani ukuba izinto zihambe kakubi ngoluhlobo?
Umbutho weNorthern Alliance onezihlalo ezintathu kuphela kwibhunga lomasipala ombaxa iNelson Mandela Bay, ukhwanqise umbutho weDA uxakwa nakukulala kuleveki, ngethuba ugrogrisa ngokushiya kulawulo lwentsebenziswano yamaqela aphikisayo akhokhelwe yiDA, elawula lomasipala uxabisa iR37 billion.
Kungoku nje, ulungelelwaniso lolawulo eGqeberha luqine ngolona hlobo njengo mbutho weDa ulawula ibhunga lalo masipala ngezihlalo ezingamashumi amathandathu xa kuthelekiswa neqela lemibutho ephikisayo ekhokhelwe yiANC enezihlalo ezingamashumi amahlanu anethoba.
Yayikwangu mbutho iNorthen Alliance eyazikwebula kumtshato wayo neANC ngenyanga yoMsintsi kunyaka ophelileyo, ze ulawulo lwebhunga lalomasipala lwawela kumbutho weDA. Ukuphuma kwawo kulawulo lwe DA bekuzakubuyisela ulawulo kwiANC kwakhona.
Ukanti lo phuma- ngena unemithelela emibi kurhulumento, uzinzo kunye nokuhanjiswa kwenkonzo eGqeberha.
Kungoku nje esisixeko sidinga izisombululo ezikhawulezileyo malunga nesomiso esigqubayo kulammandla, esingabangela ukuba kukhale ibhungane kwimpompo kwiinyanga nje ezintathu.
Intswelangqesho ikwelona qondo liphezulu, iziseko ezingundoqo zimoshakele kwaye izikrelemnqa zidubula zibulale ebantu ilanga lihlabe umhlaba – kungekho zohlwayo zibonakalayo ngezizenzo.
Ulonyulo loo rhulumente basemakhaya lonyaka ka2021, lushiye ulawulo lwamabhunga omasipala abangamashumi amathandathu anesithathu luxhonyiwe, ntoleyo inikeze amandla amakhulu kwimibutho engciba ulawulo lwalamabhunga.
Kwiphondo laseRhawutini, omnye wemibutho emincinci iAl Jama-ah ithathele kuwo ulawulo lomasipala waseJo’burg oxabisa iR87-billion nangona uneevoti ezingaphantsi kwepesenti enye kulomasipala.
Kwiiyure nje ezimbalwa ethathe intambo zolawulo kwi ofisi kaSodolophu uThapelo Amad wabhengeza izicwangciso zokuboleka imali efikelele kwiR2 billion ukonyusa oovimba besisixeko.
Kumasipala ombaxa waseThekwini, uPhilani Mavundla wombutho ongadumanga iAbantu Batho Congress wanceda umbutho weANC ukuba uthathele kuwo ulawulo lwalomasipala emva kokuba, kwakungekho nomnye umbutho owaphumelela emagqabini kulonyulo loo rhulumente basemakhaya ngonyaka ka2021.
UMavundla, wafumana imbuyekezo yokuba ngusekela sodolophu.
Iphinde yaba nguMavundla kanye ovukele lomtshato kwinyanga ephelileyo, apho aphembelele iinzame eziluthotho zokususa uSodolophu uMxolisi Kaunda ngevoti yokuphelelwa lithemba.
Konke oku, kwenzeka ngethuba umasipala waseThekwini uphantsi koxinzelelo lokwakha ngokutsha iziseko ezatshatyalaliswa ziimpuphuma kunyaka ophelileyo, ezabangela ukuba amalwandle aseThekwini alahlekelwe sisiqinisekiso sokhuseleko nococeko lwamalwandle, emva kokuba ilindle lalichithela kumalwandle asethekwini.
Eyona nto ixhalabisayo kukuba, ulawulo lwentsebenziswano yamaqela aphikisayo olungenazinzo, lingaphokela koomasipala bamaphondo emva kolonyulo lukazwelonke lonyaka ka2024.
Umbutho weANC awukhangeleki uzakuphumelela emagqabini kwiphondo laseRhawutini, kwaye ukuvuka kombutho weIFP kwiphondo laKwaZulu-Natal kuthetha ukuba kuphelile ukuzenzela unothanda kumbutho weANC.
NgoLwesine, unobhala jikelele wombutho weANC uFikile Mbalula ubhengeze ukuba bakhethe inkulubaphathiswa yephondo laseRhawutini ephumayo uDavid Makhura ukuba akhokhele igqiza elizakubeka iliso ukusebenza kwemanyano zemibutho ephikisayo komasipala, ukhuphe isiphakamiso sokuba lombutho kufuneka uziqhube njani izivumelwano eziloluhlobo kwixa elizayo.
Kuzakunyanzeleka akhawuleze afune ingxelo, ingakumbi emva kokrwitha-krwithano olukhoyo phakathi kwemibutho ekhokhele urhulumento lwentsebenziswano yamaqela aphikisayo, olubangelwa yimibutho emincinci.
Umfanekiso ongasentla: Usodolophu waseJohannesburg uThapelo Amad. Asithethi kuthi sisinambuzane, kodwa umbutho wakhe iAl Jama-ah mncici kakhulu.
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter