Inkulu baphathiswa inika ithemba kubemi bephondo leMpuma Kapa  

Ngu Tabisa Ndzindzwa

Ekugqibeleni ukhona umtyhi wokukhanya. 

Eli lithemba elibonakaliswe yintetho emalunga nobume bephondo, ebisothulwa yinkulu baphathiswa yephondo leMpuma Kapa uOscar Mabuyane, kwizindlu zorhulumente wephondo eBisho ngoLwesihlanu. 

Lentetho ifika kanye ngexesha abemi bephondo bequbisana nentswela ngqesho 

Inkulu baphathiswa ivule lentetho ngokuthumela amazwi entuthuzelo kubahlali bemimandla equka iNew Brighton eGqeberha, iThantseka eMthatha kunye neMajola esajonisi. Le yimimandla ebigutyungelwe zinzenzo zolwaphulo mthetho lokudutyulwa kubulawe abantu abangenatyala.   

Njegenxalenye yokukhawulelana nezenzo zokuxhaphaza okusekelelwe kwisini, uMabuyane uqinisekise uluntu lwaseMpuma Koloni ukuba iforensic laboratory yephondo sele isebenza ngokupheleleyo. 

“Kuluchulumanco ukubhengeza ukuba iforensic laboratory eseMonti iyasebenza. Izakusincedisa ukuphothula amatyala okuxhatshazwa okusekelelwe kwisini, kwaye ikhawulezise iinkqubo zokuhlolwa komnombo kunye nokuhlolwa kwembumbulu kumatyala okubulala,” utshilo uMabuyane. 

Ukwathe inkonzo yesipolisa izakumilisela iintlobo ezohlukeneyo zokulwa nolwaphulo mthetho eziquka amaqumrhu okulwa ulwaphulomthetho adibanisa amacandelo ohlukeneyo, azakukhokhelwa licandelo lephondo elilwisana nolwaphulo mthetho olucetyiweyo. Ukanti kuzakuthunyelwa amaqela ongezelelweyo azakusabela kwiziganeko zolwaphulo mthetho iTactical response team, kunye namapolisa okugcina ucwangco esidlangalaleni kwimimandla equka iNelson Mandela Bay ukuze kunciphe iziganeko zolwaphulo mthetho. 

EMajola, eSajonisi, isikhululo samapolisa esihambayo sele similiselwe. 

Kwintetho yakhe, uMabuyane ubalule unyaka ka2022 njengonyaka oze nenkqubela phambili emandla, njengoko uqoqoqsho lwephondo lubonakalise ukuhluma. Oku kwenze ukuba abantu abangamawaka alikhulu namashumi amane anesine bafumana izithuba zemisebenzi, emva kophazamiseko kukuvela kwentsholongwane yeCovid-19 ngonyaka ka2020 no2021. 

“Namhlanje ndifuna ukuqinisekisa abemi bephondo lethu ukuba imisebenzi eminizi isendleleni. Senze imvelaphi kwinkomfa yotyalo mali yephondo ngokutsala abatyali zimali abalishumi elinanye, bezakutyala imali efikelele kuR46 billion,” utshilo. 

“Ngezi nkqubo zintsha zityala imali, ezingaphezu kwe R1.3 billion sele ziqalile kwaye ngamathuba emisebenzi afikele kwiwaka nekhulu elinamashumi alithoba anesibhozo asele evulekile,” wongeze wenjenje. 

Inkulu baphathiswa ikwathe, ukuzibophelela kuka rhulumente ukuphucula imeko yemfundo kweliphondo, kubonakala ngokuphucuka kweziphumo. 

“Sonwabile ukubhengeza ukuba izinga lokupasa kwabantwana kumabanga aphantsi okomkume kumyinge ongaphezu kwamashumi asibhozo epesenti kuleminyaka mithathu idlulileyo, kwaye ngoku lime kumyinge ka91.7%,” utshilo. 

Ukuqinisekisa ukuba bantwana bayakwazi ukufunda, “Siphehlelela iEastern Cape Reading Academy, ekuyindlela esebenzisa umnatha ezakuqeqesha ootitshala, kwaye sikhuthaza ukufunda okungenamkhethe  ngephulo elithi Bonke Ngabethu.”

Umfanekiso ongasentla: Inkulubaphathiswa yephiondo leMpuma Kapa uLubabalo Oscar Mabuyane 

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhazi likaFacebook