
Ngu Buziwe Nocuze
UAsanda Yeko, waseStrand kude kufuphi naseKapa, ukholelwa ukuba umntwana wakhe owathunjwayo usaphila, nangona sele kuphele iinyanga ezintathu elahlekile.
Kuleveki, amapolisa aseNtshona Kapa akhuphe iinkcukacha zomrhanelwa osolwa ngokuthumba lomntwana.
UIvakele Yeko, ngumntwana owathunjwa ngomhla wesihlanu kwinyanga yoMqungu kunyaka ka2022. Lowasetyhini usolwa ngokumthumba wacela ukumgada kunye nentombi yosisi owayehlala nalomntwana, ngelixa umngcini womntwana engena evenkileni.
Wathi xa ebuya umgcini womntwana, umrhanelwa akasekho, nentombi yakhe kunye nomntwana wakwa Yeko.
Nangona sele kuphele iinyanga uYeko usenemibuzo malunga nokulahleka komntwana wakhe. Emva kwesiganeko sokuthunjwa komntwana, umrhanelwa wasuka eSomerset waye eStrand egodusa intombi yomgcini womntwana, awayishiya kufutshane nekhaya layo.
“Intombi yakhe eneminyaka esixhenxe yafunyanwa kufutshane nekhaya lomgcini womntwana kodwa owam umntwana wayengekho,” utshilo.
Intombi yomngcini womntwana yathi, ayimazi umntu othumbe umntwana.
‘Unyana wam usaphila’
UYeko ukholelwa ukuba umntwana wakhe usaphila, kwa ubongoza uluntu ukuba luncedise kwinkqubo yokukhangelwa konyana wakhe..
“Ndiva emzimbeni wam – unyana wam usaphila,” utshilo.
Ukuthunjwa konyana wakhe, kwabutshintsha ngokupheleleyo ubomi bakhe.
“Oko wathi walahleka andisakwazi kutya okanye ndilale ngendlela efanelekileyo,” utshilo lomama exelela iqonga lendaba iScrolla.Sfrica.
Abahlali bayavelana noYeko. “Akukho mzali ufanelwe ukuba ave intlungu ayivayo, eyona nto imbi kukuba lentlungu ibangelwa ngumntu olibhinqa. Kutheni sibakhohlakalele kangaka amanye amanina? Bekufanele siyancedana,” utshilo uLindelwa Tiki, olilungu lasekuhlaleni.
Isithethi samapolisa ephondo leNtshona Koloni uCaptain Nowonga Sukwana uthe iinzame zokufumana lomntwana zenziwa ukusukela ngenyanga yoMnga ngonyaka ka2022, kodwa zange ziphumelele ukufumana umntwana.
“Amapolisa abongoza nabani na onolwazi olunokuncedisa ukubuyisa umntwana ngokukhuselekileyo, nokubanjwa kwalo wasetyhini makaqhakamshelane negosa eliphanda elityala uDetective Sergeant Asanda Hlana,” utshilo uSukwana.
UYeko usenethemba lokubuya komntwana wakhe ephila. “Ndiyacela, buyisa umntwana wam, andisakwazi kunyamezela, ndixhomekeke kwipilisi zokulala ukuze buhle ubuthongo,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla: Umntwana uIvakelo Yeko waseStrand, eCape Town, owathinjwa ehamba nomgcini wakhe ngeyoMnga kunyaka ka2022. Amapolisa akhuphe iinkvukacha zomrhanelwa.
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe