
Ngu Thathe Msimango
Imbaleki yemigama emide yelizwe loMzantsi Afrika uNontuthuko Mgabhi waqala iqumrhu elingenzi ngeniso iGo Beyond for a Child Foundation, encedisa abantwana abangathathi ntweni kwiindawo zasemaphandleni – kwaye sele ekhulise ingxowamali yeliqumrhu yayakufika kwizigidi ezintathu zeeRandi ukuxhasa lombono wakhe.
Ukukhulela kwilali Imseleni kweyona ndawo isemaphandleni eRichards Bay, kwafundisa uMgabhi izifundo ezinzima ngobomi.
“Ukukhulela ezilalini kwakunzima, kodwa kuphinde kube yintsikelelo ngaxesha nye,” uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa.
“Maxawambi ukuba ndandingazange ndidibane nobunzima, ngendingazange ndikwazi ukufumana zonke izinto endinazo namhlanje.”
Injongo yakhe kukhuthaza abantwana abancinci ukuba babe namaphupha amakhulu, ngaphandle kokuzikhathaza ngemeko abakuyo ngalomzuzu, kwaye babenethemba lokuba ubomi buzakuba ngcono.
Ngokusebenzisa iqumrhu lakhe, ukwazile ukwakha amagumbi okufundela amahlanu, kunye namagumbi ootitshala kwisikolo samabanga aphantsi iKhuzimpi Primary eMtubatuba. Abantwana besisikolo nabo baxhamlile ngokufumana izihlangu zesikolo, omakufanwe kunye namalaphu angasese amantombazana.
Usebenzise imidyarho enzima kakhulu ukukhulisa lengxowa mali, efana neUtra Bolivia kunye nokunyuka intaba iMount Kilimanjaro.
“Isizathu sokuba ndisebenzise imidyarho enzima kukuba ndifuna ukubonisa ukuba amanina kwilizwe esiphila kulo, adelelwe ukuba akwazi ukwenza nantoni na ebomini,” utshilo uMgabhi osele ethathe inxaxheba kumdyarho we des Sables kwi-desert yaseMorroco ngonyaka ka2021.
“Izihlangu ezikudidi oluphezulu kubantwana basezilali yinto enqabe kakhulu. IIntsapho ezininzi kwezilali azinayo imali yokuthenga izihlangu kuba kufuneka zibeke ukutya etafileni. Injongo yam kukuba ndikwazi ukukhulisa ingxowa mali eyaneleyo ukuze abantwana babe nekamva eliqaqambileyo.”
UMgabhi ulindeleke ukuba ahambe ngoMgqibelo elungiselela ukuthatha inxaxheba kumdyarho omde kakhulu, ozakuqhuba ngomhla wesithandathu ukuya kumhla wethoba kweyoKwindla, kwaye ujonge ukuba afumane izihlangu ezingamakhulu amahlanu ngalomdyarho.
“Ndinethemba lokukhulisa imali efikelele kwikhulu namashumi amane amawaka eeRandi, endicinga ukuba izakonela ukuncedisa abantwana besikolo abangamakhulu amahlanu. Konke kuyenzeka ngenceba kaThixo. Masithembe ukuba abantu bazakundixhasa ukuze ndikwazi ukutshintsha impilo ezongezelelweyo,” utshilo.
UMgabhi wafumana udumo ngonyaka ka2020, ngokuba yimbaleki yokuqala kwilizwe laseAfrika ukubaleka kwimidyarho esixhenxe, kumazwe asixhenxe ngentsuku ezisixhenxe zilandelelana.
Ufanekiso ongasentla: UNontuthuko Mgabhi ume nabantwana emka koku nikezela ngezihlangu zesikolo
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaFacebook