
Ngu Thabisa Ndzindzwa
Ucimi-cimi wombane ufike nemiceli mingeni emitsha, ingakumbi kubantwana abafunda kumaziko emfundo asemaphandleni kweliphondo leMpuma Kapa.
Abafundi beziko lemfundo ephakamileyo i-Ingwe TVET College eSithetho kwidolophu yaseBizana, babe ngamaxhoba alahlekelwe lukhulu ngenxa yenkqubo yokucinywa kombane eqhubayo.
Ngabafundi abangaphezu kwamashumi amathandathu epesenti abebesenza izifundo zeInformation Processing abangaphumelelanga kwiimviwo zabo ngenxa yenkqubo yokucinywa kombane, ngelixa abanye benyanzeleke ukuba babhale iimviwo zokulungisa.
Imithombo ethembikileyo ecele ukuba ingadizwa, ityhola abaphathi besikolo ngokungakhathali, kuba bekufane ikhona igenerator ebekelwe ukuba incedise ngamaxesha ka xakeka, afana nexesha lokubhala iimviwo.
“Igenerato yesikolo sethu oko yayingasebenzi kunyaka ophelileyo malunga nenyanga yeThupha,” utshilo lomthombo.
Iduma lokugqibela balifumene ngethuba kucima umbane bebhala imviwo, banyanzeleka balinde kumagumbi okubhala ukuba kubuye umbane ukuze bagqibezele ukubhala iimviwo zabo.
“Saxelelwa ukuba lizakubuyiswa ixesha elimoshakele kukungabikho kombane, kodwa emva kwezo yure zimbini zokucima kombane songezelelwa imizuzu engamashumi amathathu kuphela, kwiphepha elithatha iiyure ezintathu, nangona iiyure ezimbini zihambe nocimi-cimi wombane,” utshilo.
Ukanti ababafundi bebesoloko bejamelene nomceli mngeni wee khompiyutha ezihamba kancinci kwaye ezigasebenzi ngendlela efanelekileyo ukusukela kunyaka ophelileyo.
Kwiveki ephelileyo bathathe uxanduva, babamba uqhankqalazo ngaphambi kwamasango esisikolo, benyanzelisa abaphathi ukuba bathathe ingqalelo kwiingxaki abajongene nazo.
“Sifuna bahlawule ilisenisi ye khomputha, kwaye balungise zonke ii khomputha ezingasebenzi ngendlela kuba xasingaziphumeleli izifundo zethu ngenxa yekhomputha ezingasebenzi kakuhle, sinyanzeleka ukuba masihlawule imali ukuze siphinde ezozifundo. Sikwanyanzelisa ukuba kubekhona igenerator ejongene nokuncedisa xa kucime umbane, ukuze singaphindwa sesonyaka ophelileyo,” utshilo omnye umfundi.
Iinzame eziliqela zokufumana inqununu yesisikolo uMnumzana uMngomeni ziphanzile, kuba umnxeba wakhe ubungaphendulwa kungenjalo ukhale epalini.
Noxakunjalo, uHOP weCandelo lezifundo zoshishino uMs Baya, ubhebhethe kwaya ngaye ukuphendula ngalomba, nangona kungekho nto ayiphikileyo.
“Umlomo wam uvaliwe ukuba ndingathethi namaqonga endaba, kwaye andivumelekanga ukunikisa ngenombolo zeminxeba yabantu endisebenza nabo,” utshilo uBaya.
Ufanekiso ongasentla: Igumbi lokufundela izifundo zeKhomputha kwiziko Ingwe TVET College eSithetho Campus eBizana
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe