Singakwenza konke egameni lothando

Ngu Khaya Ndaba

Ingaba ukutshintsha igama lakho kungatshintsha indlela olibona ngayo elilizwe siphila kulo? Ngokwemeko ka Katlego Love Sithole, kunjalo.

UKatlego Love Sithole ngumzobi wezenkcubeko waseMaboneng eJohannesburg, oyiphikisayo intetho ethi “yonke into inje, kuba yayisoloko injalo”. 

ULove, njengoko ethanda ukubizwa ngeligama, uyinzalelwane yaseLimpopo. Kwiminyaka emihlanu eyadlulayo, wathatha isigqibo sokuba atshintshe ifani yakhe asebenzise igama lika tatawakhe endaweni yayo, kodwa kwaba nzima kuba utatomkhulu wakhe wayengafuni kudiza imvelaphi yosapho lwakhe. 

Ngeloxesha wayesebenzisa ifani ka mamawakhe uModise. Wayengu Katlego Paul Modise. 

Lomsebenzi waya usiba nzima nangakumbi emva kokusweleka kuka tatomkhulu wakhe ngonyaka ka2019, kwaye akukhomntu wayesazi ncakasana ngomnombo wemvelaphi yasapho luka tatomkhulu wakhe. 

Wacela utata wakhe ukuba amnike uKatlego amsebenzise njengefani, njengoko kwakungekho namnye kubo owayenayo, kodwa ngelishwa utata wakhe wayengafuni ukumvumela enze oku.  

Ngenyanga yeDwarha ngonyaka ka2020, uLove wagqiba kwelokuba aye kwi-ofisi zesebe lemicimbi yekhaya eyotshintsha ngokusemthethweni igama lakhe abe ngu “Katlego Love Sithole”. Walikhupha igama lika Paul kuba wayengalithandi, ngelixa uSithole wayeyifani ka mama wakhe. 

Ukutshintsha igama lakhe kubonakalisa iingcinga zakhe, ngobomi kunye nenkcubeko. 

“Oko ndandisoloko ndinemvakalelo yokuba elilizwe alikhangeleki lilungile, kwaye oko ndandifuna ukukutshintsha oku,” utshilo uLove oneminyaka engamshumi amathathu ananye. 

“Ngokuya ndikhula kukhona ndiya ndibona indlela abaphantsi koxinzelelo ngayo abazali 

Ngaphambi kokuba abe nguchwepheshe kwenkcubeko, wayesebenza njengomsebenzi wedesika kwezezibalo (i-administrative accountant) kwinkampani ethengisa amachiza.

Kulapho wazifundisa khona izifundo ze graphic design esebenzisa uYouTube, waphinda wafumanisa umsebenzi womzobi waseMelika uJean Micheal Basquiat. Ngokukhawuleza uLove washiya kumsebenzi wakhe ngenxa yokunganyamezeleki impatho efumaneko kwimisebenzi yenkampani zabucala, waqalisa wazoba ngokupheleleyo. 

“Ndifuna ukufumana indlela yokuvula amehlo abantu, baqalise bajamelane nenyaniso ukuze siphile kwilizwe lokwenyani,” uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa. 

Kwaye ngomsebenzi wakhe uLove ufuna sonke sibone indlela uthando – nenkcubeko kungasinceda sifumane yonke into. 

Umfanekiso ongasentla: NguKatlego Love Sithole 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe