Ithala leencwadi laseDimbaza lubandakanya nabantu abangaboniyo

Ngu Zavela Makwabe

Ithala leencwadi elitsha kwilokishi yaseDimbaza kweliphondo leMpuma Kapa, lingaba sisiqalo esitsha kulengingqi ugutyungelwe lulwaphulo mthetho nokustyenziswa kweziyobisi. 

Kwabo banengxaki yokungaboni, ubukho belithala lencwadi likawonke-wonke kuthetha ukuba ngeke baphinde bahambe imigama emide bechitha imali ezinkulu ukuze bafumane ulwazi abaludingayo.  

Esi sakhiwo sizinze kwiholo yaseDimbaza iMoses Twebe Great Hall, lithala leencwadi lokuqala kulommandla unabantu abalinganiselwa kumashumi amabini anesibini amawaka. 

“Esisakhiwo senzelwe ukuba abantu balommandla, abaxhomekeke kwizibonelelo zikarhulumente bangasebenzisi imali abangenayo benyanzeleka ukuba baye eQonce ukuze bakwazi ukufumana iincwadi,” utshilo uPhiwe Konzaphi. Eli tshantliziyo lasekuhlaleni lineminyaka engamashumi amabini anesibhozo, lithi uninzi lwabantu abatsha abazintanga zakhe zange bake bangena kwithala leencwadi. 

Ukonzaphi uthethe neqonga lendaba iScrolla.Africa kafutshane nje ngaphambi kokuba umphathiswa wesebe lezemidlalo, inkcubeko namasiko uNonceba Kontsiwe alinikezele ngokusesikweni elithala leencwadi. Likwaquka nethala lencwadi elincinci elilungiselelwe abantu abangaboniyo, ngokuhambiselana nesicelo sequmrhu iEastern Cape Braille and Print Institute. 

Kwixa elidlulileyo, abantu abangaboniyo abafuna ukusebenzisa Ithala leencwadi, babedla ngokuthuthwa basiwe eQonce kanye ngeveki ukuze bakwazi ukusebenzisa Ithala lencwadi likawonke-wonke.  

UKontsiwe uthe, injongo yelithala lencwadi kukuncedisa kwisicelo sabantu abangaboniyo, nabanengxaki zamehlo baseDimbaza abafune ukuba nethala leencwadi apho bazokwazi ukuba batyebise ulwazi lwabo. 

UYolani Rhongwana, ongumfundi webanga lweshumi kwisikolo samabanga aphakamileyo iRichard Varha uthe, uyabulela kakhulu ngesisipho. Sizakunceda abantwana abafana naye benze uphando ukuze benze imisebenzi yasekhaya abayinikwa esikolweni kunye neprojekhthi zesikolo. 

UMEC uthe izikolo ezingqongileyo zizakuxhamla nazo. Uphinde wacela abahlali ukuba basebenzisane norhulumente ukukhusela elithala leencwadi.  

“Silapha ukukhuthaza abantwana ukuba bafunde ukuze siphelise ukungakwazi kufunda,” utshilo uKontsiwe. 

Umphathiswa uthe ufuna ukubona lommandla uvelisa izifundiswa ezukumanqanaba ePhD kunye noo Professor. 

Umfanekiso ongasentla: Ithala leencwadi laseDimbaza  

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe.