Ingaba uthuleleni Mongameli kusonakala ukhona?

Ngu Zukile Majova, Political Editor

UMongameli uCyril Ramaphosa kufuneka abulele kulowo ubesayo kuba yingqonyela yenkampani yakwa Eskom uAndre de Ruyter, okutshwe ngenkani kule ofisi ngoLwesithathu. 

Kodwa umongameli khange enze kwantshukumo ngethuba uDe Ruyter wayehlaselwa nguNobhala jikelele weANC uFikile Mbalula, wambiza ngokuba ngu “De Traitor” kumakhasi ezonxibelelwano ngethuba ephuma ngomnyango kulenkampani. 

UDe Ruyter nguye owanceda ilizwe loMzantsi Afrika likwazi ukufumana inxaso mali ye$8.5 billion elungiselelwe inkqubo yotshintsho lwemveliso yombane kusetyenziswe amandla ahlaziyekayo ebizwa ngeJust Energy Transition, eyaxhaswa ngemali ngamazwe asele ekhululile kwintlanganiso yeCop26. 

Esisibhambathiso kulindeleke ukuba sivuselele umdla kaRamaphosa wokunciphisa ukuxhomekeka okumandla kweli, ukusebenzisa amalahle ukuvelisa amandla kodwa lisebenzise iimveliso ezingena bungozi kokusingqongileyo kwaye amandla ahlaziyekayo. 

Kuleveki uDe Ruyter ubhengeze ukuba uEskom usetyenziswa ukwenzela iyelenqe u rhulumente okokhelwe nguRamaphosa. 

Kodwa ithe ibhodi yakwa Eskom yakunika uDe Ruyter uphuma aphele, akavela nangotshengele uMongameli.   

Abemi beli balugcwabevu ngumsindo ngenxa yenkqubo yokucinywa kombane ekwinqanaba eliphezulu, kwaye bayayiqonda ukuba uDe Ruyter ugxothelwe ukutsho ukuba inkampani yakwaEskom yindawo yokondla ohlohlesakhe bezopolitiko abafuna yonke into ingene kwipokotho zabo. 

Ukanti, lo uthuleyo ngoku ikwanguRamaphosa owathembisa ukuba abo baxela urhwaphilizo bazaku khuselwa. 

Endaweni yoko, washiywa enyanyeni ukuze uMbalula atyabeke uDe Ruyter njengomntu onocalu calulo ngokwebala, onenkolelo ezohlukileyo kwezombutho weANC norhulumente. Wathi uvele elubala njengesohluleki. 

“UDe Ruyter wabekwa esihlalweni esijonge ukukhokhela utshintsho ekufuneka lwenzeke kwaEskom ukuba ibe liqumrhu elisebenzayo, lihlinzeke eli ngeenkonzo zombane owomeleleyo nekunokuthenjelwa kuwo.”

“Wohluleke kwaphela ukufezekisa eyona nto wayeyiqeshelwe.” 

Endaweni yoko utshintsha ekulindeleke kuye, ngokuthengisa iingcinga zakhe ezingahambelaniyo nento awayeyiqeshelwe… 

Umbuzo wokuba inkampani yakwa Eskom liqumrhu lika rhulumente okanye ayililo, zange ibe yinxalenye yesivumelwano somsebenzi wakhe.”

Ukanti uDe Ruyter owasinda kwiinzame zokumbulala ngetyhefu kunyaka ophelileyo, uthe kunokwenzeka ashiye kweli kuba esoyikisela ukhuseleko lwakhe.

Umfanekiso ongasentla: URamaphosa wohlulekile ukukhusela ingqonyela yakwa Esend Eskom uAndre de Ruyter 

Imvelaphi yomfanekiso: @PresidencyZA