Umqhubi wekhumbi uncedisa abafundi ngokwabelana nabo ngeData

Ngu Doreen Mokgolo

UTeka Matsepane uthathe uxanduva lokuqinisekisa ukuba abakhweli kwikhumbi yakhe encinci bayakwazi ukungena emnatheni xabekhwele ibhasi yakhe. 

Yonke imihla ekuseni uTeka Matsepane waKwa-Thema Ekurhuleni uvuka aqinisekise ukuba une data eyoneleyo ukuqhuba usuku lonke ethutha abantu, ngaphambi kokuba aphume ekhayeni lakhe. 

Kwesisithuthi, kukhona ibhodi enkulu ebhalwe ngqingqwa exelela abakhweli, uninzi lwabo ingabafundi bezikolo ezahlukeneyo, ukuba kukhona iWiFi engankinkishwayo, kutsho kubhalwe nepassword yokungena kile WiFi. 

Uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba wagqiba ekubeni afake iWiFi kwisithuthi sakhe kwiminyaka emibini edlulileyo. Oku wakwenza emva kokuva ingxoxo phakathi kwabakhweli bakhe abangabafundi bekhalaza ukuba khange bakwazi ukwenza umsebenzi wasekhaya kuba abazali babo bebengenayo imali yokuthenga idata. 

“Ndenza uphando kulommandla, ndafumanisa ukuba izikolo nezinye iindawo zasesidlangalaleni azinayo iWiFi yasimahla.”

“oku kuthetha ukuba xa bengenayo imali yokuthenga idata, abakwazi kungena kumanatha, okanye benze uphando olubanyanzelisa ukuba bangene kumnatha. 

“Ndabona ngokuncedisa abantwana bam ngomsebenzi wabo wesikolo ukuba kubaluleke kakhulu ukungena kumnatha, utshilo. 

UMatsepane wazibophelela ukuba uzakugcwalisa irouter yakhe ngedata engankinkishwayo, ukuqinisekisa ukuba bonke abakhweli bakhe bayakwazi ukungena kumnatha ngalo lonke ixesha bekwisithuthi sakhe.  

Uthe akavakalelwa kabuhlungu epokothweni yakhe yebhanki, kuba ababafundi kudala baba ngabakhweli bakhe iminyaka. 

“Bayafana nokuba lusapho ngoku,” utshilo. 

Abanye babakhweli bakhe bemihla ngemihla waqala ukubathutha kwiminyaka egamashumi amabini anesibini eyadlulayo, ngethuba wayeqala ukuba ngumqhubi wetaxi babesafunda kwizikolo zamabanga aphantsi.  

“Ndababona bekhula befunda kwikholeji, abanye bayasebenza ngoku kwaye basazithembile inkonzo zam,” utshilo. 

Ngoku, uMatsepane uluthathele kuye uxanduva lokuqinisekisa ukuba ilali yakhe esemaphandleni, ega-Phaahla, eJane Furse eLimpopo, inayo indlela yokungena kumnatha ngokufaka isicelo seNetwork connection transformer.

“Ukutyelela kulelali kuthetha ukuba umntu akazukwazi ukuqhakamshelanana nabantu ngexesha ehleli apha, ngaphandle kokuba unyuka intaba ekufutshane,” utshilo.

“Oku kuthetha ukuba abafundi balommandla abakwazi kuqhakamshelana, bengakwazi nokungena kumnatha kwaye basalela ngasemva kwilali nelokishi ezikumgangatho ophucukileyo.

Wongeze ngelithi, iphupha lakhe kukubona bonke abantwana benayo indlela yokungena kumnatha, ukuze bakwazi ukuqhakamshelana nehlabathi liphela. 

Umfanekiso ongasentla: NguTeka Matsepane 

Imvelaphi yomfanekiso: NguDoreen Mokgolo