UDJ ozengobuso wohluke ngokunganxibi ngasentla xa edlala! 

Ngu Khaya Ndaba

Abanye ooDJ behlisa ibass. Yena uDJ waseJoburg onganxibiyo uDJ “Buntu The Ghetto” yena uhlisa ibhodisi. 

Ukanti inkosazana yeDisco uBrenda fassie, owayengoyiki ukothusa ngeba uyamkhuthaza uBuntu onganxibiyo. Njengo MaBrr, loDJ osaze ngobuso uphume etshatshalazeni ukuphikisana nemithetho yasekuhlaleni eqondileyo, wophula yonke imithetho xa engena ngasemva kwezixhobo zakhe zikaDJ amabele akhe engaphandle. 

Lemvumi igama layo lingu Patricia Modiba, oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu, waziwa ngelika “Buntu The Ghetto” yenza edume ngazo njengoDJ onganxibiyo ngasentla, kumculo osakhayo kweli. 

Njenge nzalelwano yexesha lika #FeesMustFall, isakhono sika Buntu njengoDJ saqala ngonyaka ka2017 kwiDyunivesithi yaseWits, kwigquba lamanina awayezibiza nge Black Momxn Caucus. Apha babe xoxa ngemiceli mingeni ejamelene namanina ebala lomgquba eMzantsi Afrika. Kwezindibano zeliqela, babedla ngokuwuthanda umculo okhethwe nguye. 

“Bathi xabendixelela ukuba mandicinge ngokuba nguDJ, zange ndibathathele ngqalelo ekuqaleni, kodwa ndathatha ixesha ndafunda,” utshilo.  

UBuntu wathatha izifundo eKitchener’s Bar eBraamfontein, waqhubeka edlala ngcono ngokuya lihamba ixesha. 

Njengamntu ozalelwe eHillbrow, wayesoloko engqongwe ngabantu abanenkcubeko namasiko ohlukeneyo, kwi lokishi ekhula ngokukhawuleza inabantu abasuka kumazwe ohlukeneyo eAfrika.

“Ukukhulela kulandawo kuyiphembelele kakhulu intlobo yomculo endiwudlalayo nendiwuthandayo kuba ndandisoloko ndimamela umculo waseAfrika, umculo wooBrenda Fassie kunye nohlobo lweJazz,” utshilo uBuntu. 

Intlobo yomculo awudlalayo njengo DJ ngumxube wehouse, iSoul kunye neJazz.

Kodwa eyonanto imenza ohluke kwabanye ooDJ kukuba uwudlala owakhe umculo amabele ejinga ngaphandle. Uchaza ngelithi le yindlela afuna ukwaziwa ngayo, yokuba amabele abengaphandle xa edlala kwimisitho yakhe, kuba uyazithemba ngomzimba wakhe. 

Kodwa akafuni abantu bagxile kakhulu kwindawo yokunganxibi kwakhe xa edlala.

“Into yokuba ndinganxibi baphenjelelwa luqhankqalazo luka #FeeMustFall. Yenzeka ngendlela yokuba ngolunye usuku kutshisa, ndabona amadoda ambalwa ekhulula ihempe zawo kuba efuna ukuqubisana nelanga. Ndagqiba kwelokuba mandiyikhulule neyam ihempe. 

Enye into kukuba xa ukhulule ngasentla amapolisa akazukudubula koloqhankqalazo”.

Abantu abaninzi babexakiwe kuba babengacingeli ukuba umntu wasetyhini angayenza into yokunganxibi. Impendulo yakhe yayikukuba: “ukuba amadoda ayayenza kutheni mna ndingakwazi ukuyenza?”

Waqalisa wamane enganxibi ngasentla ekuyinto ayenza xa edlala kwimisitho yakhe engu “Buntu, The Ghetto”.

Ukhe adlale kwiindawo zolonwabo ezohlukeneyo ezaziwayo ezifana neMangrove kunye ne Kitcheners kwindawo zokuhlala abantwana besikolo eBraamfontein. Ukanti usezakudlala kwimisitho ecwangciselwe inyanga yoKwindla noTshazimpuzi kwindawo yolonwabo iFuckWhatYouHear eNative Rebels eBraamfonteni kunye nase Phindamazala eSoweto. 

Umfanekiso ongasentla: NguDJ “Buntu The Ghetto”

Imvelaphi yomfanekiso: uthunyelwe