UDe Ruyter ushiyile njengegqonyela yakwa Eskom

Ngu Zukile Majova

Indoda esindise iziko lombane loMzantsi Afrika ukuba lingatshabalali kule veki, uAndre de Ruyter ushiyile kwisikhundla sakhe sokuba yingqonyela yenkampani yakwa Eskom.


UDe Ruyter ubelindeleke ukuba ashiye kulenkampani ngempelanyanga kweyoKwindla kulonyaka ka2023.

Kodwa udliwano ndlebe lwakutsha nje awlenze neqonga leendaba ieNews Channel lulokanye olwenze ukuba ashiye ngokukhawuleza, apho athe umbutho olawulayo kunye nenkokhelizawo zibona inkampani yakwa Eskom njengendawo yabo yokufumana izisulu.

UDe Ruyter uthe urhwaphilizo lumile neengcambu kwinkampani yakwa Eskom kwaye “amaqabane” afolele ukugcwalisa iipokotho zawo.

Inkampani yakwa Eskom ibhengeze ukushiya kwakhe kwimbalelwano yangoLwesithathu: “Emva kwentlanganiso ekhethekileyo yebhodi ngomhla wamashumi amabini anesibini ngenyanga yoMdumba kunyaka ka2023, ibhodi kunye no De Ruyter bafikelele kwisivumelwano,” lembalelwano iqhube yathi “uzakukhululwa kwisikhundla sakhe ngokukhawuleza.”

Oko wathi wafika kulenkampani, uDe Ruyter ukwaze ukubona ezonandawo zingundoqo zokonakaliswa okucetyiweyo kwalamaziko okuphehla umbane, ekungowona nobangela kacimi-cimi wombane.

Ukwazile ukuveza elubala iziganeko zokwebiwa kwamalahle, ukwebiwa kwadiseil, iintlawulo ezingafanelekanga kunye nokuvunyelwa kwenkampani zobuxoki ezisetyenziswa ukusenga imali kulenkampani.

Amalahle akumgangatho ophantsi athunyelwa kwaEskom, nalapho afika enematye ukuze athi onakalise imitshini yokuphehla, ntoleyo inyanzelisa ukuba kulungiswe lemitshini iphinde ibangele umngcipheko wokonyuka kwezinga lokucinywa kombane.

Amashishini anganyanisekanga anezivumelwano zokulungisa lamaziko okuphehla umbani no Eskom, kunye nothotho lwemisebenzi eyenziwayo esuku ekulungisweni kwalamaziko ukuya kwinkampani ezihlinzeka ngamalahle zonke ziyaxhamla kwiyelenqe lokophuka kwemitshini yokuphehla umbane kulenkampani ixabisa amakhulu amane anamashumi amathandathu ebillion zeRandi.

Koludliwno ndlebe kubonakale ngathi eyonanto ibangele ukuba athathe inyathelo lokushiya kulenkampani, uDe Ruyter uthe: “Ndavakalisa ukuxhalaba kwam kumphathiswa osele enamava kurhulumente weli ngento endiyibona njengenzame zokugalela amanzi kurhulumente malinga nemali efikelele ku$8.5 billion eyafunyanwa kwindibano ye COP 26 ngenxa yongenelelo luka Eskom.

“Impendulo endayifumanayo, ‘uyayazi kufuneka uqiqe ukuze ukwazi ukwenza into elungileyo, kufuneka uvumele abanye abantu batye nje kancinci,’ ewe urhwaphilizo luninzi kwaye lombele.

Uthe urhulumente akanamdla wokulungisa inkampani yakwa Eskom elungiselela ixesha elide okanye ulungise iingxaki zokunqongophala kwamandla.

“Incinci kakhulu inkcaza ekhoyo malunga nokuphikiswa okubonakala kuthathelwe phezulu kwenkqubo entsha yemveliso zombane kusetyenziswe indlela zamandla ahlaziyekayo iJust Energy Transition,’ utshilo. Inye kuphela into ebangela ukuba ibuyiselwe umva, kukuba akukho umzila ucacileyo “ubonakalisa indlela azakuxhamla ngayo amaqabane.”

“Uninzi lwabo lunomdla omkhulu wokuba kusetyenziswe iimveliso ezisebenzisa amalahle kangangokuba lemveliso ikhuselekileyo kungcoliseko lomoya ibonakali iyingxaki – nangona kuthethwa ngotshintsho oluzakuthatha iminyaka engaphezu kweshumi ukuze kuyekwe ngokupheleleyo ukusetyenziswa kwamalahle – yilonto iphikiswa kangaka.

Nangona esaziwa njengendoda ekuphela kwayo ekulungeleyo ukuxelela ilizwe malunga nengxazi ezingundoqo kwinkampani yakwa Eskom, kukhangeleka ngathi uDe Ruyter weqe elika phungela ngokuthetha inyaniso kwelityeli.

Ngelixa umbutho weANc usithi inkqubo kacimi cimi wombane ingakwazi ukusonjululwa kwinyanga ezintandathu ukuya kunyaka, ngoMvulo uDe Ruyter uqinisekisile ukuba izakuba bubusika obunzima obu.

Umfanekiso ongasentla: NguAndre de Ruyter
Imvelaphi yomfaneksio: @mrlungisa