Ngokwenene uhlahlo lwabiwo mali lwenzelwe izinhanha! 

Ngu Zukile Majova

Kwilizwe apho uchatha angafaniyo noshici, umphathiswa wezezimali uEnoch Godongwana ngeba uqhwatyelwa izandla ngokubhengeza imbuyekezo yomyinge wamashumi amabini anesihlanu epesenti kwimizi ezifakela isolar ngokwayo kuphahla lwayo. 

Kodwa lembuyekezo ayonelanga xakujongwa ukubaluleka kokukhuthaza iintsapho ukuba zityale imali kwiSolar ukuze kuhle uxinzelelo kumaziko aphehla umbane kweli asele egugile. 

Umphathiswa uqhwatyelwa izandla ngokuzibophelela ukuthatha isahlulo setyala lakwa Eskom apho elityala lizakucuthwa ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu anesine ebillion zeeRandi (R254 billion).

Lenkampani ivelisa umbane idinga ukuxhaswa ngemali ngokukhawuleza ukuze ilungise kwaye ivuselele izikhululo zayo zamalahle zokuphehla umbane njenge nxalenye yokuphelisa inkqubo kacimi-cimi wombane, esele ityabula uqoqosho lweli imali engaphezu kweR1 billion ngosuku.  

Esothula intetho yakhe yohlahlo lwabiwo mali yonyaka ka2023/24 kwiholo yesixeko saseKapa ngolwesithathu, uGodongwana ubhengeze kuba amashishini kunye neentsapho ezityala imali ngokusebenzisa amandla ahlaziyekayo, zizakufumana umthobantliziyo kwimali yerhafu eziyihlawulayo kwaye loomali ingafikelela kuR9 billion. 

“Njengoko noMongameli wayebhengezile, sizaku milisela imbuyekezo kwimali yerhafu kubantu abazifakela isolar kumaphahla emizi yabo, ukuze banciphise uxinzelelo olukhoyo kwimveliso yamandla kweli, kutsho kuhle nenkqubo yokucinywa kombane.”

“Abantu abafakela isolar ukusukela ngomhla wokuqala kweyoKwindla ngonyaka ka2023, bazokwazi ukufaka isicelo sembuyekezo ngomyinge ka25% abawusebenzise ukufaka isolar, nalapho imali yembuyekezo izakufikelela ku R15,000 ekwinqanaba lokugqibela. 

“Le mali ingasetyenziswa ukuhlisa isikweleti sabo sentlawulo yerhafu yonyaka ka2023/4,” utshilo umphathiswa. 

Xakujongwa iindleko zokufaka isolar PV kwikhaya elikwinqanaba eliphakathi ngokwemali, abagxeki bathi umphathiswa bekufanele uyongezile imbuyekezo yoku. 

Umhlalutyi wezamandla uChris Yelland uyavuma ukuba; “Imbuyekezo yerhafu kubantu abafakela isolar ayifanelekanga kuba iyakhuthaza, kodwa iyaphoxa kwaye iyaxhalabisa.”

“Ngunyinge ka25% kuphela wemali oyisebenzise ukufakela lesolar ezakukhutshwa kwintlawulo yakho yerhafu yonyaka ka 2023/4 kuphela. 

Akukho VAT okanye imali yembuyekezo ngokuqalisa usebenzise isolar, okanye inverter okanye ibhetry. Oku akonelanga.”

Uhlahlo lwabiwo mali luka Godongwana luphinde lwagxekwa kakhulu ngokusilela ukonyusa isibonelelo sabantu abangaphangeliyo seR350. 

Esisibonelelo oko sasixabisa lemali ukufika kwaso ngexesha lokuvela kwentsholongwane iCovid-19 ngonyaka ka2020, kwaye abagxeki bathi ixabiso layo lihla ngokwehla ngenxa yokunyuka kwexabiso lezinto nokuphila. 

Imali yesibonelelo sabantu abadala kunye nabaphila nokukhubazeka inyuke ngeR90 ukusukela ngenyanga kaTshazimpuzi, iphinde inyuke ngeR10 ngenyanga yeDwarha, ukuze ibe yiR2,090.

Ukanti imali yesibonelelo sabantwana izakonyuka nge R30 ibe yiR510, ngelixa imali yabantwana abazinkedama izokonyuka ngeR60 ibe yiR1,130.  

Ngabemi boMzantsi Afrika abangaphezu kuka 29 million abaphila ngemali yezibonelelo zika rhulumente, kuquka abazizigidi ezilishumi elinesibhozo abaphila ngesibonelelo zentlalontle kunye nabazizigidi ezilishumi elinanye abaphila ngesibonelelo sabantu abangaphangeliyo. 

Umfanekiso ongasentla: Umphathiswa wezimali uEnoch Godongwana 

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter