
Ngu Songeziwe Mapukata
Basele bavelelekile abahlali ngelixa abanye belahlekile emva kwemvula ene ngamandla ngempelaveki, yonakalisa imigaqo kwiilali ezininzi eCoffee Bay kweliphondo leMpuma Kapa.
Imigaqo engundoqo esingisa kwiindawo zokutya ezidumileyo kuledolophu ekunxweme itshatyalaliswe ziimvula.
Ukanti lo ngummandla odumileyo kubatyeleli ngeeholide, kwaye njengoko kusondela iiholide zepasika, uMasipala wasekuhlaleni uyavakalelwa kuba basebenza phantsi koxinzelelo olumandla ukungciba iibhulorho eziwileyo, nokwazisa iindlela ezintsha zokukhawulelana nalemeko ukuqinisekisa ukuba uqoqosho lwasekuhlaleni alumanga.
Isithethi somasipala wasekuhlaleni iKing Sabatha Dalindyebo uSonwabo Mampoza uthethe neqonga lendaba iScrolla.Africa esithi, isebe elijongene nolwakhiwo lweziseko sele liqalile ukuvula indlela eyenye ezakusetyenziswa ukufikelela kwiindawo ekungafikelelekiyo kuzo.
“Inkulu ilahleko ekhoyo kulommandla njengendawo etsala abatyeleli. Ibhulorho uMthonjana, nebhulorho iZulwini kunye nebhulorho iCoffee Bay ezidibanisa iCoffee Bay neHole In The Wall zonke zikhukhulisekile, ngelixa isikolo samabanga aphakamileyo iTyelinzima besidada emanzini.
Ezinye iibhulorho ziyakhiwa ngokukhawulezileyo ukuqinisekisa ukuba lo mmandla ubuyela kwimeko eqhelekileyo,” utshilo.
Nangona engatshongo ukuba yimalini ezakudingeka ukukhawulelana nentlekele eyenzeke kulommandla, uthe uMasipala uzakuyonwabela into evela kwingxowa yokukhawulelana nentlekele.
Ngokokutsho kwesithethi somasipala wesithili iOR Tambo uZimkitha Macingwane, umkhosi wokhuselo weli iSANDF nawo sele uthunyelwe ukuba uye kuhlola ubungakanani bomonakalo.
“ICoffee Bay yeyona ndawo esizingca ngayo kakhulu, kwaye yindawo ethandwayo ngabatyeleli eyaziwa ngobuhle bayo obumangalisayo kunye namalwandle ayo endalo,” utshilo uMacingwane.
“Kusemdleni wethu ophambili ukuqinisekisa ukuba ngethuba sincedisa iintsapho ezichaphazelekileyo, silungisa yonke into emoshakeleyo kule dolophu.”
Uthe basebenzisana nezanuse zezulu ukufumana izilumkiso ngokukhawuleza malunga neemvula ezinokonakalisa.
Umfanekiso ongasentla: Iziphumo zemvula enengamadla eCoffee Bay
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe.