
Ngu Anita Dangazele
Uphantse waqhawuka ujingi abantwana bedlala kulawulo lwendibaniselwano olukhokelwe ngumbutho weDA eNelson Mandela Bay, njengoko elinye lamaqela amancinci kulendibanisela beligrogrisa ngokuqhawula umtshato ngentseni yangoLwesibini.
Le ndibanisela ikhokhele ngezihlalo ezingamashumi amathandathu, xa ithelekiswa nendibanisela yemibutho ekhokhelwe ngumbutho weANC enezihlalo ezingamashumi amahlanu anethoba.
Isihlalo nje esinye singathatha ulawulo lwalomasipala uxabisa iR37 billion ulubuyisele kumbutho weANC, owaphulukana nalo ngenyanga yoMsintsi kunyaka ophelileyo ngenxa yevoti yokuphelelwa lithemba.
NgoMvulo umbutho iNorthern Alliance (NA) uzive ngathi iziphakamiso zawo malunga nokuphucula imigaqo nkqubo yesixeko ukulwisana nocimi-cimi wombane zibethiswa ngoyaba ngumbutho weDA.
NgoLwesibini umongameli wambutho iNA, okwangusomlomo webhunga lomasipala iNMB uGary Van Niekerk uthe, iinjongo zokushiya lendibanisela ziphenjelewe sisiphakamiso sokumilisela imigaqo nkqubo yokuphelisa ucimi-cimi wombane.
Ingxaki imibutho emikhulu kulawulo lwendibanisela ekhokhelwe yiDA ayifuni kumamela.
“Emva kwezithembiso eziliqela ezingakhange zithathelwe ngqalelo ngusodolophu uRetief Odendaal, zokuqwalasela iindlela ezizezinye ezizanombutho iNorthen alliance ezimalunga nokufumana isisombululo kucimicimi wombane, asinayo enye indlela ngaphandle kokuba sikhangele ezinye iindlela ezinokwenza ukuba simanyelwe.”
“Ukuba ukushiya lendibanisela kuthetha ukuba sizakumanyelwa, yilonto kanye ezokwenzeka,” utshilo uvan Niekerk.
Iqaqobana lemibutho emincinci yezopolitiko eyinxalenye yolawulo lwendibanisela elawula kumasipala iNelson Mandela Bay belihleli intlanganiso NgoLwesibini, kwilinge lokuzama ukufumana ulwazi oluphangaleleyo ngesigrogriso seNA efuna ukushiya kulendibanisela.
Usihlalo walendibanisela yamaqela uBill Harrington weFreedom Front Plus uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba lendibanisela ibibambe intlanganiso ngoLwesibini kwaye inike umkhomba ndlela kuVan Niekerk ukuba aqulunqe isiphakamiso sakhe necandelo lezombane namandla kwesisixeko.
“INA ivakalise ukuba, xa lemeko ingathathelwa ngqalelo, okanye ingaphandwa ngokupheleleyo yilendibanisela, oku kuzakubanyanzelisa ukuba baphinde baqwalasele ngokutsha isikhundla sabo kulendibanisela,” utshilo.
UHarrington uphinde waqinisekisa ukuba urhulumente wendibanisela okhokhelwe ngumbutho weDA usame ngommo.
Umbutho weNA waphuma kulawulo lwendibanisela olwalukhokhelwe ngumbutho weANC ngenyanga yoMsintsi kunyaka ophelileyo, inyathelo elabangela ukuba umbutho weANC ulahlekelwe ngamandla kulomasipala.
Ukuba iNA iyasilandelela isigrogriso sayo, oku kuzakuthetha ukuba indibanisela yolawulo ekhokhelwa yiDA izakusala nezihlalo ezingamashumi amahlanu anethoba kuphela kwibhunga lalo masipala.
Umfanekiso ongasentla: Usodolophu waseNelson Mandela Bay kunye neenkokheli zolawulo lwendibanisela ekhokhelwe yiDA
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaFacebook likasodolphu waseNMB