
Ngu Linda Ximba
Zinqunyanyisiwe iimpepha mvume zomdlali wamanqindi zengqonyela yeJ4Joy Boxing Promotions uJacob Mnini. Oku kuza emva kokuba esebenzise imifanekisa yeKumkani yamaZulu uMisuzulu kunye nembethi manqindi yaseMelika esele isidla umhlala-phantsi uFloyd Mayweather Jnr.
Lemifanekiso yasetyenziswa ukuthengisa umdlalo wamanqindi ongazange uqhube, owawuzakuba seThekwini ngenyanga yoMnga kunyaka ophelileyo.
IBoxing South Africa (BSA) igqibe ekubeni isabele kwezizityholo njengoko ekugqibeleni ide yathatha amanyathelo ngakuye yanqumamisa ngokukhawulezileyo iimpepha-mvume zakhe zalomdlalo, njengoko kulindeleke ukuba avele phambi kwekomiti yoluleko.
Usihlalo webhodi yeBSA uLuthando Jack uqinisekisile kwiqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba banike uMnisi imbalelwano emazisa ngokunqunyanyiswa kwelayisenisi yakhe, kwaye basaqulunqa usuku loviwo.
“Into eyenziwe nguMnisi ihlazise lomdlalo, kuba uMayweather neqela lakhe babengazange bayinxalenye yomdlalo wakhe, kwaye ezindaba zazihamba phambili kumaqonga eendaba ehlabathini jikelele. Waqhubeka wasebenzisa igama leKumkani yamaZulu ukuthengisa umsitho womdlalo wakhe.
“Uziphathe ngendlela ebonakalisa ubuqhophololo nokunganyaniseki kwintsebenziswano yakhe noMayweather ne qela lakhe. Konke oku kunike umfanekiso wokuba iBSA inikezela ngempepha mvume kubadlali abangenasihlahla nabangakhathaliyo ukuba bamilisele imidlalo yokhuphiswano”, utshilo uJack.
Ekuqaleni lomdlalo wawumiselwe ukuba uzakudlalwa ngomhla weshumi elinanye kwinyanga yoMnga, kodwa warhoxiswa amatyeli de amabini ngaphambi kokuba ubhangiswe kwaphela. UMnisi wohluleka ukufezekisa izivumelwano zezimali nembethi manqindi zaphesheya kweelwandle, waphinda wohluleka nokuhlawula imali yesivumelwano kwiWorld Boxing Federation.
Iimbethi manqindi ezisuka eNamibia, eMexico naseAmerica zazimenyiwe ukuba zizokuvana amandla neentshatsheli ezifana noAzinga Fuzile, uRoland Malindi, uMapule Ngubane kwimidlalo enentshinga zehlabathi. Kodwa zashiyeka zimunca iintupha iveki yonke kwizindlu zehotela ezaziqeshe kuzo.
Nangona bengazange bangene eqongeni, zonke iimbethi manqindi ezazi nesivumelwano sokudlala kulemidlalo, zafumana imali yazo zingakhange zenze nowentwala umsebenzi.
UMnisi khange afumaneke ukuphawula. Indoda engumlomo wakhe uSquire Ndamase uthe bathetha-thethana namagqwetha abo malunga nale nyewe.
Umfanekiso ongasentla: USquire Ndamase, uKumkani uMisuzulu kunye noJacob Mnisi
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter