UMantashe uzakuxhuzula imikhala kwinkampani yakwa Eskom

Ngu Zukile Majova

Njengoko ilizwe loMzantsi Afrika belijamelene nesigaba sesithandathu senkqubo yokucinywa kombane ngoMvulo, ukrwithakwrithano malunga nolawulo lwenkampani ephehla umbane uEskom exabisa iR460 billion lukwangomnye umba otshisa ibunzi.

Kwintlanganiso ekhethekileyo yesigqeba esilawulayo sombutho weANC ebibanjelwe eLuthuli House, umongameli uCyril Ramaphosa uqinisekisile ukuba inkampani yakwa Eskom izakufuduka isuka kwisebe lamaqumrhu karhulumente iyephantsi kwesebe lezimbiwa namandla.

Olu lolunye uxanduva olubekwe emagxeni omphathiswa uGwede Mantashe, njengendoda eyomeleleyo yombutho weANC xa kuthethwa ngezamandla.

Okomzuzwana bekukhe kwakhangeleka ngathi uMantashe akazulunuka ulawulo luka Eskom – njengoko uRamaphosa esithi umphathiswa wamaqumrhu kaRhulumente uPravin Gordhan uzakuhlala emele abatyali zimali kwinkampani yakwa Eskom.

Ukanti oku kuphikisana ncakasana nesisombululo sombutho weANC sokuba inkampani yakwaEskom ibephantsi kolawulo lwesebe lezimbiwa namandla.

Njengosihlalo owonyulwe ngokutsha wombutho olawulayo, uMantashe ngoyena mphathiswa unolwazi oluphangaleleyo kurhulumente kwaye uthathwa njengoyena “ukholelwa ngamandla kukusetyenziswa kwamalahle”, kwaye soze avumele eli lityeshele ngokupheleleyo ukuxhomekeka kwizikhululo zokuphehla umbane ezisebenzisa amalahle.

Ngelixa kusalindeleke ukuba kubekwe umphathiswa ozakujongana nezombane ozakuqubisana ncakasana nenkqubo yokucinywa kombane, umbutho weANC uthemba uMantashe ukuba aze nesisombululo sexesha elide kwingxubakaxaka yokunqongophala kwemveliso zamandla kweli.

Unobhala jikelele wombutho weANC uFikile Mbalula uthe inkampani yakwa Eskom izakuba phantsi kolawulo lwesebe lezamandla ngelixa amaqumrhu afana noTransnet ezakubaphantsi kolawulo lwesebe lezothutho.

“Isigqeba esilawulayo sombutho weANC sithenjiwe ngumongameli ukusingatha umba womphathiswa wezombane, ozakuba noxanduva lokujongana nocimi-cimi wombane,” utshilo uMbalula.

“Ayikho enye into eyongezelelweyo, sisisombululo esiza notshintsho.”

Umbutho weANC awusithembi isicwangciso sikaRamaphosa kunye noGordhan sokwahlukanisa inkampani yakwa Eskom, okanye inkqubo yotshintsho olucetywayo lokumilisela imveliso zombane ngokusenbenzisa amandla ahlaziyekayo kusukwa kwimveliso zamandla kusetyenziswa amalahle, exabisa i$8.5 billion (R155 billion).

Ukanti inkampani yakwa Eskom ilindele ukuba ixhotyiswe kwakhona njengoko umphathiswa uEnoch Godongwana elindeleke ukuba abhengeze ukuba unondyebo kazwelonke uzakuthathela ngakuye okungenani isibini- kwisithathu setyala likaEskom elixabisa amakhulu amane billion zeerandi.

Oku kuthetha ukuba lenkampani ingakwazi ukufumana imali efikelele kumakhulu amathathu ebillion zeeRandi esetyenziswa ngexesha lemeko zikaxakeka, ukuze ikwazi ukuthenga izixhobo ezilindelekileyo ukuze kupheliswe inkqubo yokucinywa kombane.

UGodongwana uzakothula intetho yakhe yohlahlo lwabiwo mali epalamente ngoLwesithathu, kwaye ulindeleke ukuba abhengeze imali yemeko engxamisekileyo ezakubekelwa bucala ukuhlangabezana nemeko yokunqongophala kwezamandla kweli. Ukwalindeleke ukuba abhengeze izicwangciso zikazwelonke ukuqubisana nemeko yentlekele ebangelwe zimpuphuma ezigqugqise kumaphondo aquka iLimpopo, iMpumalanga, eRhawutini, KwaZulu-Natal kunye nakwiphondo leMpuma Kapa.

Umfanekiso ongasentla: Umphathiswa uGwede Mantashe “ongumthenjwa we ANC” kwezamandla.

Imvelaphi yomfanekiso: @GwedeMantashe1