
Ngu Linda Ximba
Imbethi manqindi elinina eliyintshatsheli kuzwelonke uThema “Stone Cold” Zuma usemfuthweni njengoko kulindeleke ukuba akhusele intshinga yakhe yeBantamweight kumdlalo wakhe noBathabile Ziqubu eVryheid ngeCawa.
Ukuzithemba kwakhe konyuke nangakumbi emva kokufumana indawo yokuzilolonga efanelekileyo, ukulungiselela umdlalo wakhe olandelayo.
Sele kuphele unyaka uZuma enyanzeleke ukuba ezilolonga kwindawo engekho mgangathweni azenzele yona, ngamanye amaxesha ebezilolonga ngaphandle esitalatweni okanye nasemva kwendlu yakhe eLamontville.
Iholo yoluntu abeyisebenzisa ukuzilolonga yavalwa oko kwathi kwahlasela izikhukhula kwiphondo laKwaZulu-Natal kunyaka ophelileyo.
Iqonga leendaba iScrolla.Africa lincokole nalo kaZuma kwindawo yokuzilolonga esembindini wesixeko saseThekwini apho azilolonga ngaphantsi kweliso lomqeqeshi uSizwe Mthembu.
Lendawo yokuzilolonga sele ivelise iintshatsheli ezininzi ezifana nalowo wayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika yeheavyweight uWiseman Dlomo, uChristopher Buthelezi owayeyi ntshatsheli yemiddleweight kunye no king Siboniso Gonya owayesakuba yiWBA Pan African bantamweight.
“Oko ndizilolonga apha ukusukela ekuqaleni kwenyanga yoMqungu. Kungcono kuba zikhona izixhobo, kwaye ndifumana nethuba lokuzilolonga neembethi manqindi ezingamadoda le yeyona nto indomeleza nangakumbi. Ukuba lapha yinto yethutyana, kuba ndisenethemba lokuba iholo yoluntu endiyisebenzisayo izakuvulwa kwakhona,” utshilo uZuma.
Ngethuba eqala ukudibana noZiqubu, uZuma wathi: “Ndiyilindele impi”, emva koko wathatha isithuba sentshatsheli esasingenamntu kumdlalo owawudlalelwa eThekwini ngenyanga yeSilimela, emohlula ngamanqaku. “Ndifuna ukumvala umlomo omkhulu,kuba uhamba exelela abantu ukuba waqhathwa. Ndifuna ukumwisa kwelityeli.”
UZiqubu, ongutitshalakazi ngokwesakhono, akakhange akavumanga ukurhuqelwa kulempi.
“Ndifuna izandla zam zindithethele eqongeni,” utshilo.
Omnye umlo ojongwe ngamehlo abomvu ngababukeli, uphakathi kukaMpendulo “Matshikiza” Gumede wase Clermont kunye noNhlonipho Hlubi waseLadysmith.
Bazakuqubisana bejonge isithuba esingenamantu seFeatherweight yaseKZN kumlo onemijikelo elishumi. Le midlalo iququzelelwa yinkampani kaZandile Malinga iStarline Promotions, nalapho lo mdlalo uzakube ubanjelwe kwiholo iCecil Emmett ngentsimbi yesibini emalanga.
Umfanekiso ongasentla: UThema Zuma
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe