
Ngu Buziwe Nocuze
Umhlali waseLower Crossroads ubelixhoba lakutsha nje lamadoda aliqela aqweqwedisa abantu exhobile, asebenzisa inkqubo entsha yokunxiba ngathi ngamanina.
Esisiganeko senzeke ngeCawa emalanga, ngethuba indoda eneminyaka engamashumi amathathu anethoba, idibane nebarhanelwa abathathu.
Babekhangeleka ngathi ngamanina amathathu asele kakhulu utywala, uthe kuba exhalabile ngokhuseleko lwabo, wafuna ukubanceda.
Kodwa ibingelokhuseleko lwabo ebekufanele ulubeke phambili.
“Ndaziva ndipholile ndakubabona kwaye ayizange ifike engqondweni yam into ethi ndizakuphangwa.”
Kungekudala, kuye kwacaca okwekati emhlophe ehlungwini ukuba ndisengxakini.
“Bathe ngokuya besondela, ndabona ukuba ayingobantu basetyhini aba kodwa ngamadoda anxibe okwamanina. Ndandisazi ukuba yintoni ezokwenzeka emva koko,” utshilo.
Ababarhanelwa bathathu bakhupha iimela, bakhuthuza lendoda bathatha imali yayo, kunye nemfono mfono. Ixhoba lalisoyikisela ubomi balo kwaye lacela ukuba bangamonzakalisi.
Emva kwesisiganeko, abarhanelwa babaleka baya kusithela.
Uthe zange azihluphe ngokuyovula ityala emapoliseni kuba wayekholelwa ukuba abazumthathela ingqalelo. Ukholelwa ekubeni ukuxela ulwaphulo mthetho kwakuzoba yinkcitha xesha kwaye amapolisa ayeza kumhleka.
Ukanti, ayinguye kuphela umntu obe sisisulu sabanqevu.
UNontsikelelo Malose oneminyaka engamshumi amane ohlala kulommandla ubonakalise uvelwano kulendoda, esithi naye wayekhe wabalixhoba kwimeko ebufana kanye nalena.
“Ndakhuthuzwa ngamadoda amathathu awaye zenza ngathi alahlekile, bandikhuthuza ngethuba ndizama ukubanceda,” utshilo.
UColonel Mzwabantu Jada, oyinkumanda yesikhululo samapolisa asePhilippi East ubongoza abahlali ukuba baxele amatyala kwisikhululo samapolisa.
“Ukuba ixhoba livule ityala, kwaye ukuba ubani uthe akoneliseka yindlela amagosa aqhube ngayo uphando kwelotyala, bavumelekile ukuba beze kum esikhululweni.”
Umfanekiso ongasentla: Indoda yaseLower Crossroads eyakhuthuzwa ngamadoda awayezenze amanina.
Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze