Bathi abantwana babo bayasindwa ngobhaka abazali eKapa

Ngu Buziwe Nocuze

Abafundi baseKapa baphatha iincwadi ezininzi ezifikelele kwishumi elinesine nangaphezulu mihla le xa besiya esikolweni, nto leyo ibangele abazali abakhathazekileyo bamemelele utshintsho. 

Abazali bamemelela ukuba izikolo zivumele abantwana ukuba bazishiye ezikolweni ezinye zeencwadi zabo ukuze kuphunguke umthwalo onzima kwingxowa zabo abaziphatha esikolweni. 

Esisicelo siza emva kokuba abafundi abaliqela, kuquka nabafunda kwizikolo zamabanga aphantsi, bekhale ngokuqaqanjelwa ngumqolo.

UNomvuselelo Fatyi ongumzali okhathazekileyo uthe unyana wakhe ofunda ibanga lesibini uphatha iincwadi ezilishumi elinesine, kwaye zininzi kakhulu kuye.

“Ukanti akazisebenzisi zonke ngosuku olunye,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa. 

“Ndiyamsizela ngokuphatha zonke ezincwadi. Kwaye ujike wangumntwana ophelelwe nangumdla nalapha endlini.” 

Omnye umzali uAliziwe Mawana, kuye kunyanzeleke ukuba ayihlikihle emqolo intombi yakhe ntsuku zonke ngeenjongo zokudambisa iintlungu. 

“Izinto zitshintshile ngoku. Abantwana bethu bafumana ukupoto potozwa emqolo ukodlula abantu abadala ngenxa yomthwalo wencwadi abayiphatha mihla le,” utshilo lomama.

Uthi wake wazama ukuthetha notitshala ojongene nebanga lentombi yakhe malunga nalemeko, kodwa waxelelwa ukuba makajonge izinto eziza kuye. 

Unyana kaVuyelwa Ngalo uphatha oobhaka ababini xa esiya esikolweni. 

“Wayengenokwazi ukuphatha incwadi ezilishumi elinesithandathu kubhaka omnye, yiyo lonto ndagqiba kwelokuba ndimthengele owesibini.

Isithethi sesebe lezemfundo kwiphondo leNtshona Kapa uUnathi Booi ukhuthaze abazali u kuba bathetha thethane notitshala webanga elo, malunga neenkxalabo abanazo ngemfuno zantsuku zonke esikolweni. 

“Abafundi kufuneka baze nencwadi zokufunda ezizakudingeka ngolo suku esikolweni,” utshiko uBooi’

“Abazali nabafundi bacetyiswa ukuba bajonge rhoqo izifundo ezizakufundiswa ngolosuku, ukuze bazi ukuba zeziphi iincwadi abazidingayo ngosuku olo.”

UBooi uthe abafundi badinga ukuba incwadi zokufunda bagoduke nazo ukuze bakwazi ukwenza imisebenzi yaseKhaya okanye bazifundele ngokwabo.

Abazali bamemelela isebe lezemfundo ukuba liqwalasele lemeko kwaye lisebenzele ukufumana isisombululo esizakunceda abantwana kwaye sibakhusele ekubeni babeneengxaki zempilo ezibangelwa kukuphatha iincwadi ezinzima.

Umfanekiso ongasentla: Umfundi ephethe iincwadi zakhe zesikolo. Uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba ufuna kufike iiholide ukuze aphumle ekuphatheni ingxowa esindayo.

Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze