Abakhweli babetha inkazathi yokuthenga ipetroli kwiibhasi zaseHammanskraal

Ngu Karabo Rammutla

Bathwele ubunzima abakhweli beebhasi eHammanskraal njengoko ngamanye amaxesha benyanzeleka ukuba bazityhale ukuze zihambe, maxawambi banyanzeleke ukuba babethe imali yokuthenga ipetroli.  

Bavakalise izikhalazo zabo kwiqumrhu iNorth West Transport Investment, eyayifudulwa ibizwa njenge North West Star, kodwa abanalo ithemba lokuba kukhona utshintsho oluzakwenzeka msinya. 

Ngomhla weshumi elinesithandathu kulenyanga yoMdumba, kwakuhleli intlanganiso yezothutho kunye namagosa karhulumente ngenjongo zokuzama ukusombulula ezingxaki. Ngelixa kanye kuhleli intlanganiso kwihotele zikanokutsho eJohannesburg, enye yezibhasi yaxinga, yangakwazi kuhamba. 

Omnye wabakhweli uKatlego Lesabane uthe abakhweli banyanzeleka ukuba bahambe ngenyawo umgama oseleyo ukuze bayofikelela kulentlanganiso. 

“Kutheni kuzahlalwa intlanganiso? Kutheni kungalungiswa ezibhasi zindala okanye ezintsha? Lentlanganiso yayilicebo lokuzikhupha bazonwabise bengamagosa karhulumente,” utshilo uKatlego.

“Sidinga ukuba siyofika emisebenzini, kwaye xa umqhubi esicela ukuba sityhalw ayikho enye indlela ngaphandle kokuba siyityhale, imbi kakhulu le meko. Ngamanye amaxesha sifika emisebenzini simdaka ngenxa yokutyhala iibasi zabo ezindala.”

Omnye umkhweli uLorato Modisakeng uthe ezibhasi zibhokisi nje ezinamavili.  

“Xasisendleleni sihamba ngazo sithandaza uThixo ukuba zingaphalelwa ziziqhoboshi. Xa sele sifikile amakhaya sibulele kuThixo ngokuba sibuye siphila,” utshilo. 

ULorato uthe enye yezibhasi yayikhe yaphelelwa ngamafutha idiesel bengafiki kwindawo ababesiya kuyo. 

“Sanyanzeleka ukuba sikhuphe iiR5 umntu ngamnye ukuze umqhubi akwazi ukukhwela aye kwigaraji ekufuphi apho wathenga khona idiesel,” utshilo. 

Isithethi seNTI uFreddy sepeng uthe, ezizityholo bubuvuvu. Uthe iibhasi zabo zukulungele ukuhamba ezindleleni kwaye zisoloko zinawo amafutha. 

“Kungenzeka ibekhona ibhasi enye okanye ezimbini ezinengxaki, kodwa oko akuthethi ukuba zonke iibhasi zethu zindala kwaye azisebenzi,” utshilo. 

Umfanekiso Ongasentla: Abakhweli babhasi baseHammanskraal betyhala ibhasi yakwa NTI ngaphambi kokuba idume ihambe. 

Imfanekiso ongasentla: uthunyelwe