Yoxuthiwe imoto yomsasazi woKhozi FM esemoyeni

Ngu Linda Ximba

Umsasazi wesikhululo sikanomathotholo Ukhozi FM uDJ Khathide “Tshatha” Ngobe, ushiyeke ebambelele esidleleni ngethuba isithuthi sakhe sodidi oluphezulu sithathwa ngelixa esemoyeni. 

UNgobe, wanyanzeleka ukuba aphume okomzuzwana emoyeni kwinkqubo yakhe idrive time show ngoLwesihlanu, ukuya kudibana namadoda asuka kwivenkile ethengisa iimoto abethunyelwe ukuzothatha isithuthi sakhe sohlobo lweMercedes Benz. 

“Kuthe kanti, ebesoloko ebezibetha ngoyaba iimbalelwano ngentlawulo zale venkile yeemoto,” utshilo umthombo othembekileyo. 

“Baye banyanzeleka ukuba bamtyelele emsebenzini. Ibisandula kuqala inkqubo yakhe ngethuba begaleleka kwesisikhululo becela ixesha lakhe.”

UNgobe unyanzeleke ukuba ayishiye inkqubo yakhe edumileyo imizuzwana embalwa ayodibana nalamadoda ngaphandle. Engathandi enjalo, unikezele ngezitshixo zemoto kulamadoda, ebekhangeleka angekho mdleni wokudlala. 

“Ubekhathazekile emva kwesisehlo kuba bonke abasebenzi bayibonile into eyenzekileyo. 

Omnye umthombo othembekileyo uthe: “Kuyasimangalisa thina ukuba kutheni uDJ ophezulu oluhlobo, ohlawulwa imali enkulu engakwazi ukubhatala izikweleti zakhe. Esisiganeko simhlazisile, kuba usoloko ezigwagwisa ngokubhatalwa ngcono, kwaye enemisebenza ayenzayo ecaleni ebhatala iimali ezitshisiweyo.”

Kutsha nje, oko kuthe kwenzeka esisiganeko, uNgobe ubonwe eqhuba isithuthi seMazda ekukholeleka ukuba seseqabane lakhe azakutshata nalo. 

Lo msasazi sele ephumelele iimbasa usasaza ngokubambisana nomnye umsasazi eyona nkqubo ithandwayo ethi Woza Nabangani bakho, kunye noSelby Mhlongo, kwaye sele esebenze iminyaka engaphezu kweshumi kwesisikhululo sikanomathotholo.

Uthe akutsalelwa ukufumana ilizwi uluvo lwakhe uNgobe uthe: “Akuyongxaki yakho into yokuba imoto yam ithathiwe. Kukhona izinto ezininzi kakhulu ekufanele ugxile kuzo ngaphandle kokubhala ngezinto ezincinci.”

Umfanekiso ongasentla: UTshatha Ngobe 

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter