
EZEMIDLALO: Ngomgqibelo kwiveki ephelileyo abantu abangamawaka angamashumi amane anesithathu bagaleleke kwibala lemidlalo iLoftus Versveld. Ngelixa abalinganiselwa kumawaka amahlanu bekhethe ukuya kwibala lemidlalo iEmirates Park. Isizathu soku silula, kubhala uLucky Maree.
UVictor Matfield, ephawula ngomdlalo obumhle kakhulu webhola yombhoxo obuphakathi kweStormers neBulls obudlalelwa ePitoli ngempelaveki, ebengenokwazi ukungalikhankanyi igquba labalandeli abebezimase lomdlalo kwibala iLoftus Vesrveld.
UMatfiels owayedlalela iqela leBulls kunye neSpringbok, ebebukele iqela lakhe liphulukana nendebe yeUnited Rugby Championship ithathwa liqela leStormers, kodwa eyona nto ibimonwabisile kukubona abalandeli bephume ngendlu.
Ibingumbono omhle ngolona hlobo. Igquba elikhulu labalandeli, uninzi lwabo lunxibe eziluhlaza okwesibhaka bhaka, kunye nezinemigca (kanye ngendlela ekufaneleke kube yiyo), bezonwbele kwaye besonwabela nimdlalo wombhoxo.
Kwiyure ezimbini ngaphambi komdlalo, kwimigaqo yaseJohannesburg, iqaqobana labalandeli abathembekileyo beLions bazame kangangoko ukutsala umdla bephakamisa amalaphu eflegi zabo ngalo lonke ixesha ikhamera ijongise ngakubo. Emabaleni, nangona ingenamsebenzi, iqela leSharks kunye neLions bezibaleka zinyuka zisihla.
Ngonyaka ka1995 iqela lo mculo iLadysmith Black Mambazo kunye noPJ Powers bacula ingoma “iThe World in Union” njengengoma eyayenzelwe ukuhlonipha indebe yehlabathi yebhola yoMbhoxo. Oku kwakunika imvakalelo emandla kwaye ekushiya ugcwele zinyembezi ngalo lonke ixesha uyiva okanye uyibona.
Ngonyaka ka2010 uPJ Powers waphinda wacula lengoma kwakhona eElis Park. Kwakungaphambi kokuba kudlale umdlalo wokhuphiswano lweSuper Rugby. Wadlala eliculo esebenzisa ushicilelo lomculo olungekho kumgangatho ophezulu, eculela abantu abafikelele kwikhulu ababejonge kuye, bezibuza ukuba wenza ntoni apha. UPowers,njengemvumi enesakhono, wacula lengoma ngothando olumandla awayekwazi ukulubonakalisa. Emva kokuba egqibile zange kubekho zandla zimqhwabelayo. Wahlonipha ngokugoba, waqokelela imic yakhe wahamba. Yaba ngowona msitho wabambi.
Ngezontsuku, yayiqhuba ingxoxo malunga nokukhuthaza abantu ukuba baye kwimidlalo yebhola yombhoxo.
Abaququzeleli, ngaphandle kwamathandabuzo baphulaphula kwiarhente yabo yentengiso, bazama ukufumana amantombazana amahle adanisayo kwaye basebenzisa nokutshisa iziqhushumbisi emabaleni. Ukanti kwakukhona nezithuthuthu ezazingxola zijikeleze ibala.
Ukuxhoma kwamaxabiso amatikiti yabayingxaki enkulu. Kwakukhona nezimemelelo zokuncitshiswa kwamaxabiso amatikiti ukuze abantu beze, babecinga njalo. Kodwa imibutho yakhalaza ngelithi izakuba nelahleko enkulu ngokwemali – xa besenza izibalo zabo ngokomlinganiselo wababukeli abangamawaka angamashumi amahlanu, nangona kwakungekho bantu emabaleni.
Abaququzeleli baphinda batyhola kwa umabonakude ngoku. Awukwazi ukulindela abantu ukuba bazobukela umdlalo emabaleni ukuba bayakwazi ukuwubukela kumbonakude.
Inyaniso emsulwa yeyokuba wawungenokwazi ngeloxesha – kwaye awunokwazi nangoku – ukufumana abantu beyobukela umdlalo ombi womboxo nditsho sele ubahlawulele imali.
Oku kucace gca kumdlalo wempelaveki edluliley. Kwibala lemidlalo iLoftus kudlalwe owona mdlalo wombhoxo ubumnandi ukuwubukela, apho zonke iindawo beziphantse zagcwala. Kwibala iAirline Park kudlale umdlalo obumbi, (ngamaqela omabini) apho bekungekho bantu kwaphela.
Ingaba yinto le abaququzeleli bangayiqondiyo? Lento ayikho ngamantombazana adanisayo okanye irazzmatazz. Ukuba abantu bafuna amantombazana, banokuya eSun City. Ukuba bafuna izithuthuthu bangaya eKyalami.
Ukuba abanika umdlalo wombhoxo omhle oqaqambileyo abantu bazakuya emabaleni. Sibulela uJohn Dobson, uJake White, sibulele iStormers kunye nabadlali beBulls. Ngabo abazokwazi ukugcwalisa amabala ezemidlalo.
Umfanekiso ongasentla: Umdlalo obunabalandeli begcwele bephatse ukuphuphuma bebukele umdlalo weBulls kunye neStormers
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaFacebook: LeVodacom Bulls