
Ngu Zukile Majova
Inyaniso ngemeko emaxongo yonikezelo lombane kwilizwe loMzantsi Afrika ivele elubala kule veki, njengoko uluntu lweli kunye namashishini elahlekelwa ziyure ezilishumi elinesibini ngosuku ngenxa yokungabikho kombane.
Isigaba sesibhozo sesona sigaba singathandekiyo kwimilinganiselo ekhoyo yokonga umbane kweli.
Kodwa ngomvulo abaphathi bakwa Eskom bazame onke amaqhinga okunqanda ukumiliselwa kwesigaba sesibhozo sokucinywa kombane.
Le yinto engekenzeki kodwa ibilindelekile ukuba yenzeke.
Ingqonyela yakwaEskom uAnde de Ruyter uthe isigaba sesithandathu sokucinywa kombane sizakuqhuba kude kube ngokuhlwa kwangoLwesithathu.
Ukuba yonke into ihamba ngokwezicwangciso, isigaba sesine sokucinywa kombane sizakuqala ngentseni yangoLwesine, kwaye isigaba sokucinywa kombane sizakwehla siye kwisigaba sesithathu ukusukela ngempelaveki.
Ngethuba kuqhuba udliwanondlebe noonondaba ngoMvulo, ingqonyela ephumayo yalenkampani ithe okungenani ngamaqonga okuvelisa umbane asibhozo ohlulakeleyo ukuvelisa umbane ngenxa yokusilela ukusindleka ngamalahle akumgangatho ophezulu, okubangele uxinizelelo kwinkqubo yokuvelisa umbane.
“Sithetha ngecandelo lesine, elesihlanu kunye nelesibini kwisi kwiziko lokuphehla umbane iCamden.
“Emva koko sijonge ukuba kubuyele emsebenzini amaziko okuvelisa umbane ngoMvulo, malunga ne 3,000MW, ilandelwa ngu 2,000MW wemveliso nganye ngoLwesibini nangoLwesine.”
“Ukuba sikwazile ukuvelisa amandla aloluhlobo, oku kuzakususa uxinizelelo olumandla esijamelene nalo ngokwemveliso yombane, kwaye nomngcipheko uzakuncipha,” utshilo uDe Ruyter.
Ukuzama ukubalekela ukufikelela kwisigaba sesibhozo, uDe Ruyter uthe basebenzisa oovimba abavuliweyo berhasi, kwaye bazama ukuqubisana nokungoneli kwemveliso yombane efikelele ku6,000MW ngamaxesha aphezulu okusetyenziswa kombane.
“(Ngomvulo) sifumanise ukuba silahlekelwa ngamandla okuvelisa umbane afikelele kwelona qondo liphezulu lika12,318MW, ekungunobangela wesigaba sesithandathu sokucinywa kombane.
“Emva koko siphinde sanokulahlekelwa okungephi – nako okuphezulu – okufikelele ku5.993MW kwaye sinelahleko engaphandle emalunga nokusindlekwa kwamalahle, efikelele ku2,100MW.
Ngokuthe gabalala, uEskom udinga amandla afikelele ku27,282MW ngexesha lokusetyenziswa kakhulu kombane, kodwa lenkampani ikwazi ukuhlinzeka nge21,289MW.
Ngalo lonke ixesha kulahleka amandla okuvelisa umbane afikelele ku1.000MW, oku kulingana nesigaba esinye sokucinywa kombane.
Ukanti, akupheleli apho.
UDe Ryter uthe njengoko kujongwe kwiinyanga zobusika, zininzi iingxaki ezijamelene namaziko iKusile, kunye neKoeberg, edibene lamaziko athetha ukuba eli lizakuba nelahleko yamandla okuvelisa umbane afikelele ku5,000MW.
“Kwiziko lokuphehla umbane iMedupi unit4, sibe noqhushumbo olumandla, kwaye eliziko licwangciselwe ukuba libuyele emsebenzini ngenyanga yoMsintsi ngonyaka ka2024.”