Baphantsi konxinizelelo abahlali baseNMB ngenxa yokunqunyanyiswa koololiwe

Ngu Anita Dangazele

Amakhulu abahlali baseNelson Mandela Bay bangaphulukana nemisebenzi, njengoko kuphele iinyanga uloliwe osuka eGqeberha usiya eKariega ungabonakali nangotshengele.  

Kwiveki ephelileyo ikomiti yasePalamente ejongene nezothutho, ifumene izikhalazo kunye neengcebiso ezininzi kubahlali baseGqeberha njengoko ibibambe uviwo lwasesidlangalaleni kwesisixeko. 

Enye yezinto ebekuxoxwa ngazo, yindlela entsha yokhuseleko kwimizila kaloliwe iRailway Safety Bill. Abahlali bommandla waseNelson Mandela Bay bakhankanye ukonakaliswa kwemizila kaloliwe, iintambo  kunye nokungabikho konoogada ababeke iso kwimizila ingakumbi kwimida yokuwela, nasezirobhothini ukuze abantu, izilwanyana kunye nabaqhubi bakhuseleke xa bewela.

Noxa kunjalo abahlali baseNMB abebeyinxalenye yalengxoxo kwiholo yelokishi iNew Brighton iNangoza Jebe Hall, bebeneminye imiceli mingeni ebefuna ukuyiphakamisa. 

Iphondo leMpuma Kapa lagqibela ngenyanga yeThupha ukubona iinkonzo zikaloliwe. Ukunqunyanyiswa kwenkonzo zikaloliwe kuze nelahleko enkulu kubahlali baseNelson Mandela Bay.

Abahlali bamemelele lekomiti yezothutho yasepalamente ukuba ukhawulezise ukumilisela umthetho wezokhuseleko kololiwe njengoko uzakothula umthwalo wentlawulo ephezulu yezothutho ejamelene nabona bahlali bangathathi ntweni kulommandla. 

Umakhulu uNowelile Bam, osebenza emakhitshini ohlala ekariega esebenza eGqeberha uthe lekomiti ukuba ebecinga ukuyeka umsebenzi wakhe ngenxa yokuxhoma kwamaxabiso ezothutho, njengoko esebenzisa izithuthi ntsuku zonke.  

“Bendicinga ukuba ngenyanga yoMnga kunyaka ophelileyo ndizakube ndigqibela ukusebenza, kuba kuyafana nokuba ndisebenzela imali yokukhwela. Uninzi lomvuzo wam utshona kwimali endihlawula ngayo xa ndisiya emsebenzini, emva koko ndisala nemali encinci kakhulu yokuthenga ukutya nezinye izinto zasendlini.”

“Kodwa ngenxa yemeko yasekhaya andikwazi kushiya emsebenzini.”

Umama uBam uhlala nabazukulwana bakhe abathandathu; abathathu kubo ngabentombi yakhe eyaswelekayo, abanye abathathu ngabonyana wakhe. Ngokutsho kukamhakhulu, unyana wakhe wagqibela ukuphangela ngaphambi kokuqhambuka kwentsholongwane iCovid-19, kwaye kungoku nje usela utywala alale ngabo aphinde avuke ngabo.  

Ukuya eKariega usuka eGqeberha ngololiwe kuxabisa iR9, kodwa ngezithuthi zika wonke wonke kuxabisa iR27. Uthe ngenxa yokuba umqeshi wakhe uyamvumela agoduke kwangoko, uyakwazi ukuba ahambe ngenyawo xa esuka edolophini esiya kwakhe kwilokishi yaKwalanga eKariega. 

Kwelinye icala umama uNancy, owauyethengisa iilekese namacuba kuloliwe, uthe unethemba lokuba utyelelo lwale komiti kwesisixeko kuzakunceda kurhoxise isigqibo sokubhangisa abathengisi koololiwe. 

“Ndandidla ngokuthengisa iichips, iilekese kunye necuba kuloliwe ngethuba ndisesendleleni eya emsebenzini, kwaye oku kwakundinceda ndikwazi ukonga imali yokukukhwela, Ndithandazela ukuba basirhoxise esisigqibo xa bebuyela kwakhona oololiwe.” 

Ezinye zeziphakamiso zabahlali kukuba ololiwe abenzelwanga ukuba kukhwele nabantu abaphila nokukhubazeka. Baphinde bacela ukuba wandiswe umzila kaloliwe ubekhona nakwezinye iindawo eziquka ukusuka eCoega ukuya eKariega.  

Omnye uba ophakamiswe ngabahlali, kukusetyenziswa kwezakhiwo ezingasasetyenziswayo zakwa Transnet; abahlali bathi bekufanele zinikezelwa kubahlali bakwazi ukuhlala kuzo. 

Usihlao wekomiti uLisa Mangcu uzibulele iziphakamiso zabahlali, wathembisa ukuba zizakuthathelwa ingqalelo xa kuqulunqwa lo mthetho. 

“lenkqubo isinceda sikwazi ukufumana ithuba lokuzivela ngokwethu ukuba olutshintsho luzakunichaphazela kanjani. Iziphakamiso ezivezwe apha eGqeberha zizakusinceda senze izigqibo sinolwazi oluphangaleleyo, ukuse lomthetho ufezekise izicelo zabahlali,” utshilo. 

Umfanekiso ongasentla: Isikhululo sika loliwe iDe Mist train eKariega 

Imvelaphi yomfanekiso: Kefir Life (ikhasi likaFacebook)