
Ngu Dalphine Tagwireyi
Njengoko ilizwe laseZimbabwe lilungiselela uvoto lukawonke wonke lonyaka ka2023 oluzakubanjwa ngenyanga yeThupha, ngamakhulu khulu abavoti ekungenzeka bangavoti. Ukuncitshiswa kwezithili zovoto yiZimbabwe Electoral Commision (ZEC) kwenze ukuba umgama oya kwisikhululo sovoto ngasinye ubeku100 -200 weekhilomitha ukusuka kwidolophu okanye ilali nganye.
Oku kubaphazamisile abahlali abaseza kubhalisela ukuvota. Unogada womyezo wezilwanyane uDavid Sinkala waseVictoria Falld, ekuyeyona ndawo itsala abatyeleli kumantla eMatabelend, uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba akanokwazi ukuhamba umgama ongaphezu kwekhulu lekhilomitha ehambela ukubhalisela ukuvota nje kuphela.
“Andinokwazi ukuthatha isithuthi ndiye eHwange kuba ndifuna ukubhalisa kuphela.” Utshilo. “Ikumgama ongaphezu kwekhulu lekhilomitha kwaye kufuneka ndikhathalele usapho lwam, kwaye ukuhlawula imali engaphezu kwamakhulu alithoba eeRandi yokuya nokubuya kuyabiza kakhulu,” utshilo.
Omnye wabahlali baseVictoria Falls, uLwazi Ncube uthe akazi ukuba kutheni singekho isikhululo sovoto edolophini.
“Andiqondisisi, kwaye andazi noba iZEC iyayiqonda na imeko. Sasicinga ukuba bazoza bazothetha ngalento, kodwa kude kubenamhlanje abafiki, abantu basanyanzeleke ukuba baye eHwange ukuze babhalise
“Ngoku sivalelwa ngaphandle kwilungelo lethu lomgaqo siseko, kwaye ukuba oku akulungiswa uninzi lwabantu aluzuvota kuba ayingabo bonke abantu abakwazi ukuya eHwange beyobhalisela uvoto”
Usomashishini uRalph Mandizvidza wenkampani iChikombedzi Growth Point kwisithili iMasvingo kufutshane ne Great Zimbabwe uthe, abahlali abaninzi bafikile kwivenkile yakhe bebuza indawo yokubhalisela uvoto, sikhululo eso sikumgama wamakhulu amabini ekhilomitha.
“Kulilishwa, kwaye kungenzeka ukuba bangaphezulu komyinge ka60% abahlali basezilalini abangeka kubhaliseli uvota, kuba abanayo imali efikelela kuR360 yokuba baye eChiredzi beyobhalisela ukuvota,” utshilo.
UJasper Mangwana wekomishoni yolonyulo eZimbabwe (ZEC) uqinisekisile kwiqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba akukho sikhululo sovoto sisisigxina eVictoria Falls; isikhululo siseHangwe. Imeko iyafana naseChikombedzi, apho isikhululo sikumgama wamakhulu amabini ekhilomitha ukusuka eChiredzi.
“Siyikomishoni siyazi ukuba sisasaze izikhululo ezingamashumi amathandathu anesithathu. Kwaye oku kuyinxalenye yenjongo zethu, nezicwangcwiso zokuba sizisasaze nangaphezulu ukuze abantu bakwazi ukubhalisela ukuvota ngaphandle kwa magingxingingxi,” utshilo uMangwana.
Noxa kunjalo ikomishoni izakube iphicotha ukuba uluntu luzithatha njani izicwangciso zayo, nendlela yonikezelo lwezixhiobo zokubhalisela ukuvota, kuquka nakwiindawo apho kukhona amagingxi – gingxi.
Umfanekiso ongasentka: Umfanekiso onombhalo waseVitoria Falls
Imvelaphi yomfanekiso: NguDalphine Tagwireyi